Intombi yam eyintanda
Nomathamsanqa Dyasi
Brian Wambi
isiXhosa

Lona nguNatabo.
Unoobhuti abasithandathu.
Unoobhuti abasithandathu.
Le ntwazana yanikwa isipho seselwa ngabazali bakhe.
Wayesithanda kakhulu.
Wayesithanda kakhulu.
Ngaminazana ithile, oobhuti bakhe baye basiphula iselwa sakhe.
UNatabo azange akwazi ukusifumana.
Wakhala, wakhala wangathuthuzeleki.
Wakhala, wakhala wangathuthuzeleki.
UNatabo wabaleka. Wayokukhwela umthi omde kakhulu.
Abazali bakhe bayifumana lentwazana kulo mthi.
Bambongoza bemcenga besithi, "Sicela wehlike emthini ntombi yethu."
Bambongoza bemcenga besithi, "Sicela wehlike emthini ntombi yethu."
Oobhuti bakhe bacula besithi, "Sicela wehlike emthini dadewethu."
UNatabo waqhula ngengoma yabo, wangatsho ukwehla emthini.
Kwaye kwafika umhlobo wakhe.
"Ndicela wehlike torho," watsho umhlobo wakhe.
"Ndicela wehlike torho," watsho umhlobo wakhe.
Umhlobo wakhe wacula apho wade wehlika uNatabo emthini.
Aba bahlobo bahambisana kunye ukuya ekhaya.
Wonke umntu wabhiyoza kuba lentwazana ibuyile ekhaya ingena chaphaza.
UNatabo wafumana iselwa esitsha kraca!
UNatabo wafumana iselwa esitsha kraca!
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
Intombi yam eyintanda
Author - Ritah Katetemera and Mulongo Bukheye
Translation - Nomathamsanqa Dyasi
Illustration - Brian Wambi
Language - isiXhosa
Level - First sentences
Translation - Nomathamsanqa Dyasi
Illustration - Brian Wambi
Language - isiXhosa
Level - First sentences
© African Storybook Initiative 2016
Creative Commons: Attribution 4.0
Source www.africanstorybook.org
Creative Commons: Attribution 4.0
Source www.africanstorybook.org

