African Storybook
Menu
UNcede inkosi yeentaka
Xolisa Guzula
Wiehan de Jager
isiXhosa
Kudala, iintaka zazingenayo inkosi. Ngenye imini zagqiba ekubeni zibe nentlanganiso, apho zaziza kuxoxa ngokuba ngubani na owayenokuba yinkosi yazo. Zabuzana ukuba ngubani owayengaba yinkosi yazo?
"UKhozi womelele kwaye ukhangeleka enentsobi yobukhosi." Yatsho enye intaka. "Hayi angekhe, uKhozi akanaso isitshaba. Futhi xa ekhwaza akavakali kakuhle." "Kungcono uNciniba ngoba yena mkhulu, xa ekhala uvakala njengengonyama." Kwatsho enye intaka. "Hayi, soze, akakwazi ukubhabha, inkosi yeentaka kufanele ukuba ikwazi ukubhabha."
"Mna ndicinga ukuba ndingaba yinkosi," watsho uPikoko edlalisa isisila sakhe. "Ndimhle kakhulu." "Kodwa uyaziqhenya," kwatsho uSikhova. "Mna ndinamehlo amakhulu kunazo zonke iintaka. Ndingaba yinkosi." "Hayi, unotshe. Ungaba yinkosi njani wena Sikhova njengokuba ulala xa kuza kusa nje!" Zonke iintaka zamphikisa.
Zathi zisaqhubeka nengxoxo, enye yeentaka yeza nombono wokuba okungcono iintaka zibhabhe. Eyona ibhabhela phezulu kakhulu ibe yiyona eza kuba yinkosi yeentaka. Zavumela phezulu zonke iintaka, zaqalisa ukubhabha zisiya phezulu esibhakabhakeni.
URhanisi wabhabha usuku olunye wabhabhela phezu kwezona ntaba ziphakamileyo elizweni. UKhozi yena wabhabhela phezu kweentaba eziluhlaza iintsuku ezimbini. Kodwa uXhalanga wabhabhela phezulu iintsuku ezintathu engami, entingela ngqo kufutshane nelanga. Wathi esabhabha njalo uXhalanga, suka waviwa zezinye iintaka ekhwaza lisithi "Ndiphezulu, ndiyinkosi!"
Kodwa ngentla kwakhe uXhalanga wesuka weva ngelizwi elincinci lisithi, "Tswi, tswi, tswi! Ndiphezulu ndiyinkosi." Kwakusitsho eyona ntaka encinane iNcede. Kwathi kanti yayikhwele ephikweni likaXhalanga ngelixa entingela phezulu esibhakabhakeni!
"Awusokuze undogqithe," watsho uXhalanga entingela phezulu kwakhona. Wabhabha de waphelelwa ngamandla. Waphinda wakhwaza futhi "Ndiphezulu Ndiyinkosi yenu."
Kodwa ngaphantsi kwephiko lakhe kwakusazimele uNcede. Waphuma uNcede, "Tswi, tswi! Tswi, tswi! Ndim intaka encinci, ndiyinkosi."  Kodwa uXhalanga wayediniwe ukuba angabasantingela phezulu.
Wehlela ngezantsi kodwa uNcede wayesazifihle phantsi kwephiko lakhe. Ezinye iintaka zazinomsindo kakhulu nguNcede. Zazimlindele ukuze athi xa efika nje zimxuthe zonke iintsiba zakhe.
Kodwa intaka encinane yabona indlela ezinye iintaka ezazinomsindo ngayo. Ngokukhawuleza yehla yangena emngxunyeni wenyoka ongenanto. Iintaka zathi kuSikhova, "Wena S'khova ngoba unamehlo amakhulu, gada uNcede umbambe xa ephuma." Ngokunjalo, uSikhova wahlala phambi komngxunya wawugada.
Kodwa emini xa ilanga selifudumele uSikhova wabiwa bubuthongo walala. Intaka encinci uNcede yalunguza yabona uSikhova elele, yaze ngokukhawuleza yanyonyoba, yaphuma yabhabha.
USikhova waba neentloni ngento ayenzileyo, yokubhungcisa uNcede. Ukusukela ngaloo mini, uSikhova waqala ukuzingela ebusuku, aze alale emini, azimele ukuze angabonwa zezinye iintaka.
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
UNcede inkosi yeentaka
Author - South African Folktale
Translation - Xolisa Guzula
Illustration - Wiehan de Jager
Language - isiXhosa
Level - Longer paragraphs
© African Storybook Initiative 2014
Creative Commons: Attribution 4.0
Source www.africanstorybook.org
Menu
  • Navigate

    Navigate through the story by swiping right or left or clicking when the cursors changes to an arrow on the right or the left edge of the screen.

    Tap or click on the centre of the page to see, or remove the menu bars at the top and the bottom of the screen. You can also use the ESC key.

    You can use the slider at the bottom as a way to move quickly through the story. On a mobile device tap on the slider before you drag the slider button.

    Click or tap to return to African Storybook.

  • Share
    If you have a Twitter or Facebook account, you can share this story on your page or a page you manage. You can also copy the web link (URL) for this story.
    • Twitter
    • Facebook
    • Url
  • Rate
    Other visitors rated this story

    Tell us how much you liked the story – drag the scroller to highlight one or more stars
    • Submit
  • Comment
    Read other people’s comments on the story, or add your own.
    • Enter your comment
    • Name
    • E-mail
    • Post
  • Translations and adaptations
    • Koning van die voëls
      Afrikaans (Translation)
    • የአእዋፋቱ ንጉሥ
      Amharic (Translation)
    • Mambo weShiri
      ChiShona (Translation)
    • Mwami Wabayuni
      ChiTonga (Translation)
    • Mfumu Yambalame
      CiNyanja (Translation)
    • King of the birds
      English (Original)
    • The Clever Little Bird
      English (Adaptation)
    • Le Roi Des Oiseaux
      French (Translation)
    • Imfumu Yafyuuni
      IciBemba (Translation)
    • Ikosi yeenyoni
      isiNdebele (Translation)
    • Inkosi yezinyoni
      isiZulu (Translation)
    • Ungcede Inkosi Yezinyoni
      isiZulu (Adaptation)
    • Musumbi Wa Nyunyi
      Kikamba (Translation)
    • Opi Aria Yi Ni
      Lugbarati (Translation)
    • Kabaka We Nyonyi
      Lugwere (Translation)
    • Umuyiinga we Binywiinywi
      Lumasaaba (Translation)
    • Habaha W'Enyuni
      Lunyole (Translation)
    • Kyabazinga gh'enhonhi
      Lusoga (Translation)
    • Olkínkí Le Oó Imotónyi
      Maa (Translation)
    • Ninsi Natitari
      Mampruli (Translation)
    • Omwami Wa Amayoni
      Oluwanga (Translation)
    • Rei Das Aves
      Portuguese (Translation)
    • Kgoši ya dinonyana
      Sepedi (Translation)
    • Morena wa dinonyana
      Sesotho (South Africa) (Translation)
    • Kgosi ya dinonyane
      Setswana (Translation)
    • Mulena Walinyunywani
      SiLozi (Translation)
    • Inkhosi yetinyoni
      Siswati (Translation)
    • Khosi ya zwiṋoni
      Tshivenḓa (Translation)
    • Hosinkulu ya swinyenyana
      Xitsonga (Translation)
  • Download to read
    Landscape version
  • Download to print
    Portrait (booklet) version
  • Download EPUB