African Storybook
Menu
Ihlathi leenyoka
Xolisa Guzula
Rob Owen
isiXhosa
Ilali iSinyaire ijikelezwe ziinduli neentaba. Kuhlala iinyoka ezininzi kwihlathi elikwezi ntaba. Eyona nyoka inkulu yayibizwa ngokuba yi-Unyalego ngabantu belali. Le nyoka yayisoyikisa abantu abaninzi kuba yayiginya ibimbilize iibhokhwe kunye neegusha ezipheleleyo.
Ngenye imini u-Apiyo, u-Ajoh kunye no Atieno babesiya ehlathini beyokutheza. Umakhulu wala mantombazana wayewalumkisile wathi, "Nilumkele u-Unyalego inyoka enkulu. Ningathathi nenye into ehlathini ngaphandle kweenkuni." U-Ajoh akazange ayihoye nokuyihoya into awayeyixelelwa ngumakhulu wakhe.
Amantombazana apakisha umphako wobisi, iibhanana, ibhatata kunye namanzi. Athatha neentambo zokubopha inyanda kunye nezembe lokugawula iinkuni. Ahamba ke aphathelela ukuya ehlathini.
Endleleni amantombazana ayehamba ezincokolela nje futhi ehleka, kumnandi. U-Apiyo owayemdala kubo bonke wavakala esithi, "Thulani. Sele sisondele apho kuhlala khona u-Unyalego."
U-Atieno wathi, "Yehake, khanijonge nanga amazinyo ka-Unyalego abugolide, masiwathatheni." U-Apiyo wabakhumbuza, "Ningalibali imiyalelo kamakhulu. Akufanelanga ukuba sithathe nantoni na apha ehlathini ngaphandle kweenkuni."
U-Ajoh wathi, "Andiyikholelwa mna into ethethwa ngumakhulu. Ndicinga ukuba ubesitsho nje kuba engafuni ukuba sizithathele izinto esizithandayo. Unomona umakhulu. Ndiza kuwathatha mna la mazinyo egolide." Oodadewabo bakhathazeka kakhulu ngale nto. "Ajoh, uze ungathi khange sikuxelele." U-Ajoh akazange abahoye.
Kwathi kusenjalo kwathi gqi u-Unyalego ezokukhangela amazinyo akhe. Wacaphuka kakhulu akungawaboni. U-Unyalego weva amantombazana encokola futhi ehleka. Wazimela phantsi kwelitye elikhulu elalikufutshane nendlela amantombazana ayeza kudlula kuyo.
Amantombazana ayethwele iinyanda entloko. Eva ngomsindo wenyoka efuthayo, "Fu-u-u-u-u-u-u-u-u!" Oothuka azama ukuzimela. Nankuya u-Unyalego phambi kwabo evule umlomo wakhe elindele ukuluma.
U-Unyalego wawabuza amantombazana wathi, "Ngubani othathe amazinyo am egolide?" Akuzange kubekho mntu uphendulayo. Inyoka yathi ndiza kumfumana umntu owabileyo. "Lo ongenatyala uza kucula kakuhle angayenzi impazamo kodwa lowo onetyala yena uza kuthi xa ecula kwenzeke impazamo. Uza kuba kukutya kwam kweentsuku ezintathu ezizayo!"
U-Apiyo waqala wacula kakuhle akabinangxaki. Kwalandela u-Atieno, naye wacula kakuhle.
Ekugqibeleni kwacula u-Ajoh. Wayenexhala kakhulu. Wathi xa eqala ukucula ilizwi latshothoza namazwi engoma akavakala kakuhle. Wakhwaza u-Unyalego wathi, "Awukwazi ukucula kakuhle njengabanye?" Inyoka yabona ukuba nguye kanye u-Ajoh owayethathe amazinyo egolide.
Bimbilili! U-Unyalego wamginya u-Ajoh. Oodadewabo babaleka bagoduka bayokuxela esi senzo sibi kangaka esenzekileyo.
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
Ihlathi leenyoka
Author - Joseph Sanchez Nadimo
Translation - Xolisa Guzula
Illustration - Rob Owen
Language - isiXhosa
Level - Longer paragraphs
© African Storybook Initiative 2015
Creative Commons: Attribution 4.0
Source www.africanstorybook.org
Menu
  • Navigate

    Navigate through the story by swiping right or left or clicking when the cursors changes to an arrow on the right or the left edge of the screen.

    Tap or click on the centre of the page to see, or remove the menu bars at the top and the bottom of the screen. You can also use the ESC key.

    You can use the slider at the bottom as a way to move quickly through the story. On a mobile device tap on the slider before you drag the slider button.

    Click or tap to return to African Storybook.

  • Share
    If you have a Twitter or Facebook account, you can share this story on your page or a page you manage. You can also copy the web link (URL) for this story.
    • Twitter
    • Facebook
    • Url
  • Rate
    Other visitors rated this story

    Tell us how much you liked the story – drag the scroller to highlight one or more stars
    • Submit
  • Comment
    Read other people’s comments on the story, or add your own.
    • Enter your comment
    • Name
    • E-mail
    • Post
  • Translations and adaptations
    • Woud van slange
      Afrikaans (Translation)
    • Cisaka canzoka
      ChiTonga (Translation)
    • Sanga la Njoka
      CiNyanja (Translation)
    • Lul Thwol
      Dhopadhola (Translation)
    • Nyan ci kuec weet
      Dinka (Translation)
    • Forest of snakes
      English (Original)
    • The evil forest
      English (Adaptation)
    • Girl who did not listen
      English (Adaptation)
    • Forest of snakes
      English (Adaptation)
    • La Forêt Des Serpents
      French (Translation)
    • Insoka Isha Mumpanga
      IciBemba (Translation)
    • Insoka Isha Mumpanga
      IciBemba (Adaptation)
    • Ọhịa agwọagwọ
      Igbo (Translation)
    • Ihlathi leenyoka
      isiNdebele (Translation)
    • Intombazana eyayinenkani
      isiXhosa (Adaptation)
    • Inyoka yehlathi, uMagilogilo
      isiZulu (Translation)
    • Irya mukuru
      Kinyarwanda (Translation)
    • Inzoka Kimizi
      Kinyarwanda (Adaptation)
    • Irya mukuru
      Kinyarwanda (Adaptation)
    • Msitu wenye nyoka
      Kiswahili (Translation)
    • Asiyesikia la mkuu
      Kiswahili (Translation)
    • Omuwala owe mputtu
      Luganda (Translation)
    • Ekibira kye'Misota
      Lusoga (Translation)
    • Amoni Ang’Imunio
      Ng’aturkana (Translation)
    • Amoni Na Aya Ng'imunio
      Ng’aturkana (Adaptation)
    • Esichakha Esya Chinjukha
      Olunyala (Translation)
    • Omutsuru Kwe Tsinzukha
      Oluwanga (Translation)
    • Nandahulira
      Oluwanga (Translation)
    • A Floresta De Cobras
      Portuguese (Translation)
    • Eihamba ryenjoka
      Rukiga (Translation)
    • Ekibira ky'Enjoka
      Runyankore (Translation)
    • Lešoka la dinoga
      Sepedi (Translation)
    • Moru wa dinoha
      Sesotho (South Africa) (Translation)
    • Sekgwa sa dinoga
      Setswana (Translation)
    • Linoha Zamwa Mushitu
      SiLozi (Translation)
    • Mambakati, inyoka yelihlatsi
      Siswati (Translation)
    • Ḓaka ḽa dziṋowa
      Tshivenḓa (Translation)
    • Xihlahla xa tinyoka
      Xitsonga (Translation)
  • Download to read
    Landscape version
  • Download to print
    Portrait (booklet) version
  • Download EPUB