African Storybook
Menu
UMagozwe
Kholeka Mabeta
Wiehan de Jager
isiXhosa
Kwidolophukazi exakekileyo yaseNairobi, kude le nekhaya elinenkathalo, kwakuhlala iqela lamakhwenkwe angenakhaya. Babejongana nosuku ngalunye ngendlela oluze ngayo. Ngantsasa ithile la makhwenkwe ayesonga iingutyana zawo zokulala emva kokulala kwipavumente ebandayo. Babebasa umlilo ngenkukuma ukugxotha ingqele. Phakathi kwala makhwenkwe kwakukho inkwenkwe egama linguMagozwe. Wayengoyena umncinane kubo bonke.
Abazali bakaMagozwe basweleka eneminyaka emihlanu kuphela. Waya kuhlala nomalume wakhe. Le ndoda yayingayikhathalelanga le nkwenkwana. Wayengamniki nditsho nokutya okwaneleyo. Wayemsebenzisa okwekhoboka.
Umalume kaMagozwe wayembetha xa ekhalaza okanye ebuza imibuzo. Xa uMagozwe ebuza ukuba angaya na esikolweni, umalume wakhe wayembetha athi, "Usisidenge esingenakufunda nto." Emva kweminyaka emithathu yalempatho uMagozwe wabaleka wamshiya umalume wakhe. Waya kuhlala esitalatweni.
Babunzima ubomi basesitalatweni kwaye la makhwenkwe etsala nzima imihla ngemihla ukufumana ukutya. Maxa wambi babebanjwa, maxa wambi bebethwa. Xa begula kwakungekho mntu wokubanceda. Babexhomekeke kwimalana ababeyifumana ngokungqiba, bethengisa neeplastiki nenkukuma ephinda isetyenziswe kwakhona. Ubomi babubanzima kakhulu ngenxa yemilo namanye amaqela awayefuna ukulawula iingingqi ezithile kulodolophukazi.
Ngenye imini uMagozwe wathi ekhangela emigqomeni wafumana incwadi endala yamabali. Wayivuthulula wayifaka kwingxowana yakhe. Wayeyikhupha mihla le abukele imifanekiso ekuloo ncwadi. Wayengakwazi ukufunda amagama.
Le mifanekiso yayibalisa ngenkwenkwana eyakhula yaba ngumqhubi weenqwelo-moya. UMagozwe wayephupha ngokuba ngumqhubi weenqwelo-moya. Maxa wambi wayezibona eyile nkwenkwana ikweli bali.
Kwakubanda uMagozwe emi ecaleni kwendlela engqiba. Kweza indoda kuye. "Molo, ndinguThomas. Ndisebenza kufutshane apha, kwindawo onokufumana kuyo into etyiwayo," yatsho indoda. Yakhomba kumzi otyheli onophahla olubhlowu. "Ndiyathemba ukuba uyakuya phaya uyokufumana ukutya?" yabuza. UMagozwe wajonga kule ndoda, wajonga kulo mzi. "Mhlawumbi," watsho waze wahamba.
Kwiinyanga ezilandelayo la makhwenkwe angenamakhaya aqhelana nokubona uThomas. Wayekuthanda ukuthetha nabantu, ingakumbi abantu abahlala esitalatweni. UThomas wayephulaphula amabali angobomi babantu. Wayeqinisekile kwaye enomonde kwaye engakhe abekrwada okanye angabina ntlonipho. Amanye amakhwenkwe aqalisa ukuya kulendlu ityheli nabhlowu ukuya kufumana isidlo sasemini.
UMagozwe wayehleli kwipavumente ebuka incwadi yakhe yemifanekiso kwaze kwafika uThomas wahlala ecaleni kwakhe. "Ingaba lingantoni eli bali?" wabuza uThomas. "Lithetha ngenkwenkwana eyaba ngumqhubi weenqwelo-moya," waphendula uMagozwe. "Ngubani igama lalenkwenkwana?" wabuza uThomas. "Andilazi, andikwazi ukufunda," watsho uMagozwe ethethela phantsi.
Ukudibana kwabo, uMagozwe waxelela uThomas ngebali lakhe. Wamxelela ngomalume wakhe nesizathu sokuba abaleke. UThomas wayengathethi kakhulu, kwaye wayengamxeleli uMagozwe kuba enze ntoni na, kodwa wayephulaphula ngononophelo. Maxa wambi babencokola ngeli lixa besitya kwindlu enophahla olubhlowu.
Kufutshane nomhla wokuzalwa kaMagozwe egqiba iminyaka elishumi, uThomas wamnika incwadi yamabali entsha. Yayithetha ngenkwenkwana eyakhulela ezilalini eyakhula yaba ngumdlali webhola odumileyo. UThomas wamfundela le ncwadi uMagozwe amaxa amaninzi waza wathi ngenye imini, "Ndicinga ukuba kufuneka uye esikolweni ukwazi ukufunda. Ucinga ntoni wena?" UThomas wathi kukho indawo ayaziyo apho abantwana bavunyelwa ukuba bahlale baye nasesikolweni.
UMagozwe wacinga ngalendawo intsha nangokuya esikolweni. Mhlawumbi umalume wakhe wayelungile xa esithi usisidenge esinganakho ukufunda nto? Angathini xa benokumbetha kulendawo intsha. Wayesoyika. "Mhlawumbi kungcono ahlale esitalatweni," wacinga ngolo hlobo.
Waxelela uThomas ngoloyiko lwakhe. Ekuhambeni kwexesha le ndoda yamthembisa ukuba ubomi bunokuba ngcono kulendawo intsha.
Ngoko ke uMagozwe wafumana igumbi lokuhlala kumzi onophahla oluluhlaza namanye amakhwenkwe amabini. Babelishumi bebonke abantwana ababehlala kweli khaya. Kwakukho noMama uCissy nomyeni wakhe, izinja ezintathu, ikati kunye nebhokhwe endala.
UMagozwe waqala isikolo kwaye kwakunzima. Wayesemva ngomsebenzi omninzi kakhulu. Maxa wambi wayefuna ukunikezela. Kodwa wayecinga ngomqhubi weenqwelo-ntaka kunye nomdlali webhola awayefunda ngabo kwiincwadi zakhe zamabali. Wayenganikezeli efana nabo.
UMagozwe wayehleli eyadini kwindlu enophahla oluluhlaza efunda incwadi yamabali yasesikolweni. UThomas weza kuhlala ecaleni kwakhe. "Lingantoni eli bali?" wabuza uThomas. "Limalunga nenkwenkwana eyaba nguTitshala," waphendula uMagozwe. "Ngubani igama lalenkwenkwana?" wabuza uThomas. "Igama layo nguMagozwe," waphendula enoncumo uMagozwe.
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
UMagozwe
Author - Lesley Koyi
Translation - Kholeka Mabeta
Illustration - Wiehan de Jager
Language - isiXhosa
Level - Longer paragraphs
© African Storybook Initiative 2015
Creative Commons: Attribution 4.0
Source www.africanstorybook.org
Menu
  • Navigate

    Navigate through the story by swiping right or left or clicking when the cursors changes to an arrow on the right or the left edge of the screen.

    Tap or click on the centre of the page to see, or remove the menu bars at the top and the bottom of the screen. You can also use the ESC key.

    You can use the slider at the bottom as a way to move quickly through the story. On a mobile device tap on the slider before you drag the slider button.

    Click or tap to return to African Storybook.

  • Share
    If you have a Twitter or Facebook account, you can share this story on your page or a page you manage. You can also copy the web link (URL) for this story.
    • Twitter
    • Facebook
    • Url
  • Rate
    Other visitors rated this story

    Tell us how much you liked the story – drag the scroller to highlight one or more stars
    • Submit
  • Comment
    Read other people’s comments on the story, or add your own.
    • Enter your comment
    • Name
    • E-mail
    • Post
  • Translations and adaptations
    • Magozwe
      Afrikaans (Translation)
    • Magozwe
      Akuapem Twi (Translation)
    • ماقزوي
      Arabic (Translation)
    • Magozwe
      Asante Twi (Translation)
    • Magozwe
      ChiTonga (Translation)
    • Magozwe
      CiNyanja (Translation)
    • Magozwe
      Dagaare (Translation)
    • Magozwe
      Dagbani/Dagbanli (Translation)
    • Mokasa
      Dangme (Translation)
    • Magozwe
      English (Original)
    • Magozwe (Colour-in)
      English (Adaptation)
    • Magozwe
      Ewe (Translation)
    • Magozwe
      Fante (Translation)
    • Magozwe
      French (Translation)
    • Ankamafio
      Ga (Translation)
    • Magozwe
      Gonja (Translation)
    • Magozwe
      IciBemba (Translation)
    • UMagozwe
      isiNdebele (Translation)
    • Mhlaba ngiyakuhlonipha
      isiZulu (Translation)
    • Magozwe
      Kasem (Translation)
    • Magorwa
      Kinyarwanda (Translation)
    • Magozwe
      Kiswahili (Translation)
    • Magozwe
      Kiswahili (Adaptation)
    • Magozwe apata makao mapya
      Kiswahili (Adaptation)
    • Magozwe
      Mampruli (Translation)
    • Magozwe
      Nzema (Translation)
    • Magozwe
      Portuguese (Translation)
    • Magozwe
      Sepedi (Translation)
    • Magozwe
      Sesotho (South Africa) (Translation)
    • Magozwe
      Setswana (Translation)
    • Magozwe
      SiLozi (Translation)
    • Wonkhe umuntfu uneliphupho
      Siswati (Translation)
    • Magozwe
      Talen (Translation)
    • Magozwe
      Tshivenḓa (Translation)
    • Mahewu
      Xitsonga (Translation)
  • Download to read
    Landscape version
  • Download to print
    Portrait (booklet) version
  • Download EPUB