Ingxelo ngexesha lokumiswa kweentshukumo
African Storybook
Khanyisa Masemola
Esi sisitudiyo seRX Radio kwisibhedlele sabantwana iRed Cross Children’s Hospital eKapa.
-
IRX Radio sisikhululo sikanomathotholo esilawulwa ngabantwana, besenzela abanye abantwana. Badla ngokusasazela kwisitudiyo esisesibhedlele.
-
Kodwa ngexesha lokumiswa kweentshukumo, isitudiyo besivaliwe.
1
Lo nguAkhona. Uyintatheli kanomathotholo iRX Radio.
-
Ngexesha lokumiswa kweentshukumo, uAkhona wayengakwazi ukushicilela inkqubo yakhe kwisitudiyo saseRX. Kwinkqubo yakhe kanomathotholo, uAkhona ubanodliwanondlebe nabantu malunga nemiba ebachaphazelayo.
-
Wayefuna ukwenza ingxelo ngamava abantu ngeli xesha lokuvaleleka, kwindawo ahlala kuyo.
2
Kodwa ngenxa yokumiswa kweentshukumo, uAkhona zange akwazi ukulwenza udliwanondlebe nabantu ubuqu.
-
Ngoko ke, wacela abahlali abaneemfonomfono zeselula kwindawo yakhe ukuba bamthumelele imiyalezo yamazwi. Waza uAkhona washicelela inkqubo yakhe ekhaya esebenzisa imfonomfono yakhe.
3
Nantsi eminye yemiyalezo awayifumanayo.
-
Umyalezo kaTitshalakazi uThuli:
-
“Ndiyabakhumbula kakhulu abafundi bam! Ndineqela labazali kuWhatsApp, apho ndiye ndibathumelele khona umsebenzi.
-
Kodwa ndifundisa kwenye yeendawo ezithwaxwa yintlupheko, kwaye ayingabo bonke abazali abakwaziyo ukufikelela kwi-intanethi. Ngumcelimngeni ke lowo.”
4
Umyalezo kaRiaz:
-
“Ndinenkxalabo ngempilo yam. Maxa wambi abantu abakhubazekileyo banamajoni omzimba abuthathaka.
-
Njengokuba ndihlala kwisitulo esinamavili nje, andikwazi ukuhlamba izandla rhoqo, kodwa usapho lwam luluncedo kakhulu.
-
Bayaqinisekisa ukuba ndisoloko ndinesicoci sezandla.”
5
Umyalezo kaKhethiwe:
-
“Ekhayeni lam silusapho olukhulu kwaye kwabanye bethu kukho abasebenzi ababalulekileyo, kodwa abahlali nathi okwalo mzuzu.
-
Konke esikwenzayo kukuthandazela ukhuseleko lwabo, kwanolwethu.”
6
Umyalezo kaMakhulu uGabbie:
-
“Andiyiyo ititshalakazi, kodwa ngoku kufuneka ndifundise abantwana ababini ekhaya. Bobabini aba bantwana bafuna ukuhoywa ngokufanayo.
-
Ngoko ke, imeko yasekhaya inoxinzelelo kakhulu.
-
Ngethamsanqa, sineWiFi engenamlinganiselo.”
7
Umyalezo kaBuhle:
-
“Oku kumiswa kweentshukumo akukhange kundichaphazele kakhulu ngoba ndisoloko ndisendlwini.
-
Ndiphuma xa ndisiya esikolweni nasecaweni kuphela.
-
Olu valeleko lundichaphazele ngendlela yokuba umoya opholileyo ndiwufumana kuphela eyadini.”
8
Umyalezo kaLwazi:
-
“Ingxaki enkulu evelileyo ingesikolo. Ndaqhela ukuba notitshala ubuqu, phambi kwam.
-
Kuba nzinyana ukumamela imfonomfono okanye ividiyo katitshala.”
9
UAkhona wakhetha eminye yemiyalezo ukuze ayisebenzise kwinkqubo yakhe. Akugqiba washicilela inkqubo yakhe.
-
“Molweni, nguAkhona lo, ndinika ingxelo kwigumbi lam lokulala. Umgangatho wesandi ungangavakali kakuhle!
-
Namhlanje, sizokuva indlela abazali, ootitshala kwakunye nabantwana abakhawulelana ngayo noku kumiswa kweentshukumo.”
10

Imibuzo


  1. Bhala intsingiselo yala magama: amahlwempu, amajoni omzimba, engenamda.
  2. Yintoni imiceli-mngeni ajongene nayo uTitshalakazi uThuli?
  3. Kutheni le nto uRiaz enenkxalabo ngempilo yakhe?
  4. Kutheni le nto uMakhulu uGabbie enoxinzelelo?
  5. Ungabacebisa ngelithini uTitshalakazi uThuli, uRiaz noMakhulu uGabbie?
11


Eli bali lisekelwe kwiingxelo zeRX Radio. IRX Radio sisikhululo sika nomathotholo wabantwana esikwi-intanethi, esilawulwa ngabantwana besenzela abanye abantwana.
-
IRX Radio isebenzela kwisibhedlele sabantwana iRed Cross War Memorial eKapa.
-
IRX Radio incedisana nabantwana ukuba babalise ngezinto ezibalulekileyo kubo.
-
Tyelela iRX Radio
12
Your attribution should include the following:
Title: Ingxelo ngexesha lokumiswa kweentshukumo
Author/s: African Storybook
Translator/s: Sheila Mandlate
Illustrator/s: Khanyisa Masemola
Assurer/s: Bulelwa Nokele, Angelinah Dazela
Language: isiXhosa

© Zenex Foundation - Saide 2024

CC BY includes the following elements:
 BY   – Credit must be given to the creator