Asikwazi kudlala kunye
African Storybook
Simon Mokoena
UTitshala uTshezi nabafundi bakhe bathetha ngexesha leKhovid-19.
-
Uthi, “Ndifuna ukuva ngexesha lenu emakhaya. Ingaba nikwazile nonke ukusebenza ekhaya ngeli xesha izikolo bezivaliwe?”
1
UDudu uphendule kuqala, “Ukufundela ekhaya bekunzima kum, abazali bam bayasebenza kwaye bendishiyeka ndedwa ekhaya,” watsho.
-
“Nam bendiwenza ndedwa umsebenzi wesikolo,” watsho uMsizi.
2
Waqhubeka wathi, “Bekungekho mntu wokundinceda, kungekho mntu wokundicacisela imibuzo nemiyalelo.” Abafundi abaninzi bavumelana naye.
-
“Ukusebenzisa i-intanethi bekungekho lula ngenxa yedatha enexabiso eliphakamileyo,” watsho uDudu. Bavumelana naye abafundi kwakhona.
3
UAyanda wathi, “Ekhaya bekungxolwa kakhulu kungafundeki.”
-
“Ndavuya kakhulu sakuxelelwa ukuba singabuyela esikolweni,” watsho uFaiza.
-
“Wonke umntu wavuya!” watsho ehleka uMsizi.
4
“Bendingafuni zivulwe kwakhona izikolo,” wakhalaza watsho uAyanda.
-
“Ndandicinga ukuba yonke into iyakuba ngohlobo eyayingalo kuqala, ukubuyela kwethu esikolweni. Kodwa yonke into yayitshintshile!” wavakala esitsho uAmahle.
5
Ingulowo kufuneka ahlale athi qelele komnye, kufuneka sinxibe iimaskhi, kwaye sisebenzise isibulalantsholongwane,” ukhalazile naye uIsaac.
-
“Ootitshala basoloko besibuza ukuba asikhohleli na, besibuza ukuba imiqala yethu ayibuhlungwanga na,” watsho uAyanda.
6
UKagiso ehlikihla izandla zakhe uthe, “Qho xa usiya kuphendula umbuzo ebhodini, bakunika isibulalantsholongwane.”
-
“Kufuneka sihlale siphethe ibhotilana encinci enesi isibulalantsholongwane ngaphakathi,” watsho encwina.
7
“Esikolweni ngexesha lekhefu, akusafani nakuqala, apho sasidibana sonke ndaweninye sidlale umdlalo omnye,” watsho uMsizi.
-
UAyanda wathi, “Kunzima kakhulu ngoba sikuqhelile ukudlala nabahlobo bethu.”
8
UAmahle wathi, “Singabantwana, siyabathanda abahlobo kwaye siyakuthanda ukuba nabahlobo bethu.”
-
“Kodwa ngoku asikwazi ukudlala nabahlobo bethu,” watsho uDudu.
-
“Ngoku kufuneka ingulowo athi qelele komnye,” watsho u-Isaac.
9
Utitshala uTshezi wathi, “Zininzi izinto ezitshintshileyo.”
-
Kodwa akukho mntu uyedwa.
-
“Nokuba asikwazi ukudlala kunye okwangoku, siyakwazi ukwabelana ngeengcinga zethu nangendlela esiziva ngayo,” wongeza watsho.
10

Imibuzo


  1. Waziva njani ngokuhlala ekhaya ngexesha lokumiswa kweentshukumo? Sicela usicacisele.
  2. Funa amagama apha ebalini achaseneyo nala: ukuthula, olusizi, iimpendulo, elula.
  3. Funa amagama apha ebalini athetha into enye nala: ebizayo, abafundi, uvuyo, amaqabane.
11

-
Eli bali lisekelwe kwiingxelo zeRX Radio. IRX Radio sisikhululo sika sikanomathotholo wabantwana esikwi- intanethi, esilawulwa ngabantwana besenzela abanye abantwana.
-
IRX Radio isebenzela kwisibhedlele sabantwana iRed Cross War Memorial eKapa.
-
IRX Radio incedisana nabantwana ukuba babalise ngezinto ezibalulekileyo kubo.
-
Tyelela iRX Radio
12
Your attribution should include the following:
Title: Asikwazi kudlala kunye
Author/s: African Storybook
Translator/s: Sheila Mandlate
Illustrator/s: Simon Mokoena
Assurer/s: Bulelwa Nokele, Angelinah Dazela
Language: isiXhosa

© Zenex Foundation - Saide 2024

CC BY includes the following elements:
 BY   – Credit must be given to the creator