UDuma uthi hlamba izandla zakho!
Nathi Ngubane
Nathi Ngubane

Incwadi yabantwana base Afrika yonke jikelele

1

Igama lam nguDuma. Ndineminyaka elishumi.

Ndihlala nodade wethu uZintle oneminyaka elishumi nantathu.

Sihlala noMama, uTata, nobhuti wethu uWandile oneminyaka emithandathu, kunye nenja yethu, uBhubesi.

2

Oko kuvele intsholongwane ye-Corona, ubomi bethu butshintshile.

Intsholongwane incinci injalo ingasigulisa kakhulu xa
singalumkanga.

3

Ndilusizi kuba andikwazi ukudlala nezihlobo zam.

NoWandile naye ulusizi ngoba akasaziboni izihlobo zakhe.

Kwaye noZintle naye ukhathazekile kuba akwasakwazi ukwabelana neetshomi zakhe ngamafutha okuhombisa umlomo.

4

UMama ungumcoci sibhedlele edolophini.

UTata yena uthengisa iziqhamo kunye nemifuno edolophini.

Xa besemsebinzini abazali bethu sihoywa nguZintle ekhaya.

5

Ummelwane wethu, esimbiza Makhulu, mdala kakhulu kwaye unesifo sentliziyo.

Akukho mntu ovunyelweyo ukusondela kuye, ngokuba le ntsholongwane iyingozi kakhulu ebantwini abadala.

Kwaye asifuni ukumgulisa.

6

UMama uye adlule kuMakhulu xa ephuma emsebenzini, amphathele iziqhamo.

Uye afike azishiye emnyango iziqhamo zikaMakhulu, kuba engenakungena endlini.

7

UZintle uvuka kwangentseni ayokukha amanzi empompeni yasengingqini.

Abanye abantu basuke benxibe iimaski, abanye bengazinxibanga.

UZintle usebenzize iqhiya yakhe awazenzela yona, njenge maski.

8

Qho ngexesha lesidlo sangokuhlwa, umama uyasikhumbuza:

"Nxibani iimaski ezicocekileyo ntsuku zonke. Hlambani izandla zenu ngesepha kangangemizuzwana engamashumi amabini. Gqumani umlomo xa nikhohlela."

"Kulungile mama!" sivume.

9

1. Hlamba izandla zakho ngamanzi.
2. Sebenzisa isepha ukuhlamba izandla zakho.
3. Hlamba imizuzwana engamashumi amabini, okanye bala ukususela kwi-1 uyotsho kuma-20 ucothisisa.
4. Pula izandla zakho ngamanzi.
5. Sula izandla zakho ngetawuli ecocekileyo, okanye ngethishu.
6. Izandla zakho zicocekile!

10

11
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
UDuma uthi hlamba izandla zakho!
Author - Nathi Ngubane
Adaptation - African Storybook
Illustration - Nathi Ngubane
Language - isiXhosa
Level - Longer paragraphs