Mhla ubhazabhaza webhasi ebhulowu akafika
Mecelin Kakoro
Mango Tree

Rhoqo ngosuku ngalunye kungena ubhazabhaza webhasi ebhulowu elalini kaSibu ezokuthatha abantu abaya edolophini. USibu akazange ayibone ibhasi enkulu kangako. Nanko ebala iifesitile zabakhweli ezili-9 kunye nefesitile yomqhubi. "Inokuba kukho imiqolo yezitulo eli-9 enokuba nezitulo ezi-6 kumqolo ngamnye.

Ukuba uSibu unyanisile, bangaphi abakhweli abanokuthwalwa ngulo bhazabhaza webhasi ubhulowu?

1

Ngomso umama kaSibu uza kuhamba naye bayokuthenga iyunifomu edolophini. Uthengisa amaqanda nge-R15 idazini. Amaxesha amaninzi udla ngokwenza ama-R450 ngeveki. Zingaphi iidazini zamaqanda anokuzithengisa ukuze afumane ama-R450? Kwiiveki ezine ezidlulileyo ukwazile ukugcina isiqingatha semali yakhe ukuze akwazi ukuhlawulela iyunifomu kaSibu entsha.

Ungakwazi ukubala ukuba ugcine malini ngeeveki ezi-4?

2

Sekuphantse yaziinyanga ezintathu oko uSibu wagqibelayo ukukhwela ibhasi. Akangxame!

Yaba ngathi akasafiki ungomso! Ngentsimbi yesixhenxe wayesele eyokulala kodwa abaze buhle ubuthongo. Ingqondo yakhe yayiphala. Wayecinga ngohambo lwakhe lwasedolophini. Ngecala emva kweyesithoba ebusuku wayesathe gqa amehlo.

3

USibu ebedla ngokuvuswa ngumama wakhe qho kusasa ngentsimbi yesixhenxe. Kodwa namhlanje wayesele evukile ngentsimbi yesithandathu nangona ubuthongo behla ngentsimbi yeshumi elinanye phezolo.

Ngentsimbi yesixhenxe wayesele egqibile ukuhlamba nokunxiba elungele ukuhamba. Ulele ixesha elingakanani uSibu phezolo?

4

Ngomkhono phambi kwentsimbi yesibhozo uSibu nomama wakhe babekwisitophu sebhasi. Kwakulindeleke ukuba ibhasi ifike ngentsimbi yesibhozo.

Umama kaSibu ujonga ixesha lakhe. Ibhasi seyishiywe lixesha ngemizuzu elishumi elinesihlanu. "Iqhele ukufika ngexesha nje ibhasi. Kwenzeke ntoni namhlanje?" watsho emangele.

5

Kungekudala kwafika nabanye abantu abazokukhwela ibhasi. Nabo bajonga iiwotshi zabo bemana bebuzana ukuba kutheni ingekafiki nje ibhasi. "Sekude kwabetha nentsimbi yethoba. Ndiza kufika emva kwexesha emsebenzini," utshilo umfo onempandla onxibe isuti ebhulowu.

USibu nomama wakhe ngabona balinda ixesha elide, kaloku babefike kuqala. KuSibu yayingathi balinde iiyure ngeeyure. Kodwa kwakungenjalo noko. Babelinde ixesha elingakanani?

6

USibu ukhathazekile. "Uthi ndakuze ndibe nayo iyunifomu entsha?" ubuze umama wakhe.

USibu ubala ixesha aza kulithatha ukuya nokubuya edolophini afumanise ukuba ziiyure ezi-4. Iyure enye yeyokuya edolophini, ezimbini zezokuzulazula bethenga ukuze enye ibe yeyokubuyela ekhaya. "Ndifuna ukubukela umdlalo wesoka nabahlobo bam ngentsimbi yesibini. Ndiyathemba ibhasi iza kude ifike, ukuba akunjalo soze sikwazi ukufika ngexesha ekhaya."

7

Balinda, balinda. Wayesele ekhala ngoku uSibu. Abantu ababini ababesemgceni badinwa kukulinda bemka bagoduka. Abanye bahlala bemana ukujonga iiwotshi zabo.

Masibe nomonde. Ndiqinisekile seyiza kufika," utshilo umama kaSibu ebacenga. "Ndifuna ukugoduka mna!" watsho elila uSibu. Masilinde nje imizuzu elishumi," utshilo unina. "Ukuba ayifikanga ibhasi ngecala emva kweyethoba, sakugoduka."

8

Kanye ngelo xesha beva umgqumo webhasi. "Bendingatshongo?" watsho umama kaSibu. Licala emva kwentsimbi yethoba. Siza kugqiba msinya ukuthenga. Ukuba ibhasi inokuligcina ixesha singafika ekhaya ungekaqali umdlalo wesoka.

Wazosula kwangoko uSibu iinyembezi zakhe. Iinyawo zakhe zazibuhlungu kukuma. Waziva edinwe mpela. Wayengxamele ukuzibona sehleli phakathi ebhasini.

9

Bathi nqa bonke abantu xa bebona bhasi yimbi. Yayingeyiyo ibhasi enkulu ebhulowu. Yibhasi encinci ebomvu. USibu ubala iifesitile zabakhweli afumanise ukuba zi-4 kuphela. "Mama," uSibu ukrweca umama wakhe, "uyayibona ukuba ncinci kwayo le bhasi? Soze bakwazi ukukhwela bonke aba bantu baya edolophini."

Ingaba uyavumelana noSibu? Ungaqikelela ukuba bangaphi abantu abanokukhwela kule bhasi?

10

"Hayi suka, uzikhathaza gqitha Sibu," umtsale ngelitshoyo umama wakhe. "Siza kufumana indawo yokuhla sonke thina bantu balapha."

"Khawuleza, masitsibe sizokufumana indawo esiyithandayo. Kakade singabona balinde kakhulu!"

11

USibu nomama wakhe bakhwela ebhasini. Emva kwabo kukho abantu abali-9. "Siza kuyifumana sonke indawo yokuhlala? Uphinde wabuza uSibu.

Ubonile ukuba kukho imiqolo emi-4 enezitulo ezibini kuphela kwicala ngalinye. Zingaphi izitulo ezikhoyo zizonke? Ingaba baza kuba nendawo yokuhlala bonke abantu abasemgceni?

12

USibu nomama wakhe bahleli kwisitulo esingaphambili esikufuphi nomnyango. Kukho indawo enkulu phambi kwabo kwaye banokubona kakuhle yonke into phandle.

USibu ubala abantu aba-6 abongezelekileyo. "Loo nto yenza sibe bali-17", uyacinga uSibu. "Mama, wonke umntu uza kuba nendawo yokuhlala," uSibu uxelela umama wakhe. "Mnye kuphela oza kuma ngeenyawo."

Ingaba ubale kakuhle uSibu?

13

Ibhasi izele. Umqhubi uvala ucango ayiqhube ihambe ibhasi. Kukho ingxolo ngaphandle. USibu nabanye abakhweli bathe nqa ukuba kwenzeka ntoni, bakroba ngeefesitile.

Kukho abantu abaninzi abaleqa ibhasi. Bayakhwaza, "Misa! Misa! Nathi sifuna ukukhwela." Kwakungasekho kuthini, ibhasi imkile. USibu nomama wakhe babavela abantu abashiywe yibhasi.

14

Umama kaSibu ubuza umqhubi, "Kutheni ungezanga ngala bhasi inkulu ibhulowu? "Iye yonakala izolo," uphendule watsho. "Le bhasi incinci ibomvu kuphela kwebhasi ekhoyo."

"Baza kuthini ke ngoku aba bantu sibashiye ngemva?" ubuzile umama kaSibu. "Ungazikhathazi wena," utshilo umqhubi, "ndizimisele ukuphinda ndize kabini kwakhona namhlanje."

USibu ubamamele njengokuba bethetha nje. Kungamanani nje engqondweni yakhe.

15

USibu ubala izitulo kwakhona. "Le bhasi ithwala abantu abangama-20, abali-16 bahlala phantsi baze aba-4 beme ngeenyawo."

Inokuba kufuneka ize kangaphi le bhasi ukuze ithathe abakhweli abali-100 ibase edolophini? Abangama-200 bona, okanye abali-150? Uyazibuza ngaphakathi. Ungakwazi ukubala impendulo?

Wonwabe kakhulu ngoku uSibu. Kungekudala uza kuba neyunifomu entsha. Bakugqiba ukuthenga ibhasi iza kubagodusa bafike ngexesha ukuze abukele umdlalo wesoka.

16
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
Mhla ubhazabhaza webhasi ebhulowu akafika
Author - Mecelin Kakoro
Translation - Bulelwa Nokele
Illustration - Mango Tree
Language - isiXhosa
Level - Read aloud