Intombazana eyayinenkani
Joseph Sanchez Nadimo
Rob Owen

Kufutshane neSinyare, kwakuhlala inyoka enkulu egama linguNyalego.

1

U-Apiyo, u-Ajoh kunye no Atieno babesiya ehlathini beyokutheza. Umakhulu wathi, "Nilumkele uNyalego."

2

Amantombazana apakisha umphako.

3

U-Apiyo wathi, "Thulani. Sele sisondele apho kuhlala khona uNyalego."

4

Babona amazinyo kaNyalego. "Ningalibali imiyalelo kamakhulu," watsho u-Apiyo.

5

U-Ajoh wathi, "Andikhathali. Ndiza kuwathatha mna la mazinyo egolide."

6

UNyalego akawafumana amazinyo wakhe. Wazimela walinda.

7

Amantombazana eva ngomsindo wenyoka efuthayo, "Fu-u-u-u-u-u-u-u-u!"

8

"Ngubani othathe amazinyo am egolide?" wabuza uNyalego. Akuzange kubekho mntu uphendulayo.

9

"Ndiza kulifumana isela. Niza kundiculela ngamnye ngamnye," kwatsho uNyalego.

U-Apiyo waqala wacula kakuhle akabinangxaki. Kwalandela u-Atieno, naye wacula kakuhle.

10

Ekugqibeleni kwacula u-Ajoh. Wacula ngelizwi elitshothozayo.

Inyoka yabona ukuba nguye owayethathe amazinyo egolide.

11

Bimbilili! uNyalego wamginya u-Ajoh.

Oodadewabo babaleka bagoduka bayokuxela kumakhulu into eyenzekileyo.

12
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
Intombazana eyayinenkani
Author - Joseph Sanchez Nadimo
Adaptation - African Storybook
Illustration - Rob Owen
Language - isiXhosa
Level - First sentences