UMaguru uphisa ngemilenze
Mutugi Kamundi
Wiehan de Jager

Kudala-dala, izilwanyana zazingenayo imilenze. Zazirhubuluza emhlabeni.

1

Yayingabantu kuphela ababenemilenze ngoba uMaguru wayebaphe yona.

2

Ngenye imini uMaguru wagqiba ekubeni aphe zonke izilwanyana imilenze. Wazula ilali yonke ekhwaza ngombhobho. Wayefuna isilwanyana ngasinye sikwazi ukuhamba njengomntu.

3

Zavuya izilwanyana zakuva ukuba ziza kuphiwa imilenze. Isilwanyana ngasinye sasifuna imilenze ukuze sikwazi ukuhamba nokubaleka. Zacula, zatshikizisa imisila, zabhakuzisa neempiko zazo.

4

Zahlangana izilwanyana zaxoxa ngobunzima bokurhubuluza ngesisu xa zihamba. Umhlaba wawuzikrwempa izisu zazo. Imilenze yayiza kuzinceda ukuba zikwazi ukuma zibone kude, njengabantu.

5

Lwathi xa lufika usuku lwemilenze yamahala, izilwanyana ezininzi zarhubuluza zaya emzini kaMaguru ukuyokwamkela imilenze yazo. Iindlulamithi, iingonyama, iindlovu, imivundla, iingwenya, neentaka zema emgceni zilinde ukuphiwa imilenze.

6

Isilwanyana ngasinye safumana imilenze emine, zaze zona iintaka zafumana imilenze emibini inye.

7

Zabonakala zinomahluko izilwanyana ngelixa sele zinemilenze. Ezinye zagida luvuyo. Ezinye zazibhadazela ziphinde ziwe zisenziwa bubunzima bokuhamba ngeenyawo.

8

Zahamba-hamba elalini zibonisa abantu imilenze yazo. Zonke izilwanyana zathi, "Soze siphinde sirhubuluze."

9

Isilwanyana sokugqibela ukufumana imilenze yayinguSongololo. UMaguru wabuza, "Ukhona olandela emva kwakho?" "Hayi, ndingowokugqibela," waphendula uSongololo.

10

UMaguru wacinga, "Kulungile ke, xa kungasekho mntu, ndiza kuyenzani yonke le milenze eshiyekileyo?" UMaguru wanika uSongololo yonke imilenze eshiyekileyo.

11

USongololo wahamba evuya kakhulu ngoba wayefumene imilenze emininzi. "Ndiza kuhamba ngokukhawuleza ke ngoku kunazo zonke izilwanyana," wacinga njalo.

12

Mzuzwana nje emkile uSongololo, kwafika uNyoka emzini kaMaguru. "Maguru, ndicela undiphe imilenze," wacenga uNyoka.

13

"Sendiphise ngayo yonke imilenze. Wena ubuphi kanti?" wabuza uMaguru. "Ndiselwe," waphendula uNyoka.

14

UMaguru wakhangela endlwini yakhe ejonga ukuba yayingekho na eseleyo. Kodwa akazange afumane nomnye.

15

UMaguru waphuma wathi, "Ndiyaxolisa Nyoka, akukho milenze ishiyekileyo." UNyoka warhubuluza wabuyela ekhaya engenayo imilenze. Ukusukela loo mini uNyoka akalali kakhulu. Usoloko elindele usuku apho naye aza kufumana ngalo imilenze.

16
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
UMaguru uphisa ngemilenze
Author - Mutugi Kamundi
Translation - Xolisa Guzula
Illustration - Wiehan de Jager
Language - isiXhosa
Level - First paragraphs