Kutheni iindlovu zinemiboko emide
Judith Baker
Wiehan de Jager

Sonke siyayazi into yokuba indlovu inomboko omde.

1

Kodwa kudala umboko wendlovu wawumfutshane kakhulu futhi utyebile okwesihlangu esibekwe ebusweni bayo. Wawuyimpumlo nje eqhelekileyo.

2

Ngenye imini kwazalwa ithole lendlovu. Lalinomdla ngayo yonke into. Lalisoloko linombuzo kwisilwanyana ngasinye.

3

Lalilangazelela ukwazi ngendlulamthi. "Kutheni unomqala omde?" labuza kwindlulamthi.

4

Lalilangazelela ukwazi ngomkhombe. "Kutheni uneempondo ezitsolo?" Labuza kumkhombe.

5

Lalilangazelela ukwazi ngemvubu. "Kutheni unamehlo abomvu nje?" Labuza kwimvubu.

6

Kanti lalilangazelela KAKHULU ukwazi ngengwenya. ''Ingwenya itya ntoni ngesidlo sangokuhlwa?''

7

"Ungakulinge uphinde ubuze umbuzo onjalo!" watsho umama walo. Waze wahamba engatyhilekanga.

8

Kodwa ngokukhawuleza kwafika uNomyayi owayekrelekrele wathi, "Ndilandele siye emlanjeni. Apho uza kutsho ubone ukuba ingwenya itya ntoni ngesopholo."

9

Ngenene ithole lendlovu lalandela unomyayi ukuya emlanjeni.

10

Lazinyanzela ezingcongolweni laze lema enyeleni yomlambo. Lajonga emanzini. Yayiphi ingwenya?

11

"Molo," kwatsho ilitye elalingakwinyele yomlambo. "Ewe," laphendula ithole lendlovu. "Ungandichazela ukuba ingwenya itya ntoni ngesopholo?"

12

"Goba uze ezantsi ndizokukuxelela," laphendula ilitye. "Yehla, yehla, kwakhona." Ngenene ithole lendlovu lagoba, lehla, laphinda lehla laze.

13

"Xhakamfu!" Impumlo yethole lendlovu yabe sele isezindlathini zengwenya. "Ingwenya iza kutya wena ngesopholo!" Wakhala watsho unomyayi.

14

Ithole lendlovu laxhathisa ngemilenze yalo yangemva eqinileyo, latsala, latsala, latsala. Kodwa ingwenya ayatsho ukuliyeka.

15

Impumlo yethole lendlovu yanwebeka, yanwebeka, yanwebeka laze. "Dudlu!" lawa labetheka ngomqolo.

16

Ngokudikwa kukuphuncukwa sisidlo, ingwenya yatshona phantsi kwamazi.

17

Ithole lendlovu lajonga impumlo yalo. Kodwa lalingakwazi ukubona apho yayiphela khona!

18

Impumlo yalo yayinde kangangokuba yayinokukwazi ukukha iziqhamo emasebeni aphezulu emithi.

19

Impumlo yalo yayinde kangangokuba yayinokukwazi nokuhlamba umqolo walo ngamanzi. Ukusukela ngaloo mini, zonke iindlovu zaba nemiboko emide eluncedo.

20
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
Kutheni iindlovu zinemiboko emide
Author - Judith Baker, Lorato Trok
Translation - Xolisa Guzula
Illustration - Wiehan de Jager
Language - isiXhosa
Level - First paragraphs