Inkwenkwana eyayingathandwa mntu
Phumy Zikode
Wiehan de Jager

Kudala, kwakukho inkwenkwe eyayingxathu, ingathandwa mntu. Nditsho nabazali bayo ubuqu babengayithandi.

Kokwayo yayizihlalela yodwa endlwini ngelixa usapho lonke lubukele umabonakude.

1

Esikolweni yayihlala yodwa ngelixa abanye abantwana bedlala ngaphandle.

2

Xa amakhwenkwe esiyokulanda iinkomo, wawungayibona le nkwenkwe ihamba yodwa emva kwamanye.

Kwakungekho mntu ufuna ukuhamba nayo.

3

Ngenye imini yagqiba ekubeni imke ekhaya.

Yahamba de yaya kufika ehlathini elimnyama tshu. Yaqala ukoyika kodwa yabuya yazithuthuzela ngoba yayisazi ukuba kwakungekho mntu owayeza kuthetha nayo. Kuba kwakungekho mntu uyithandayo.

4

Yathi xa iseza kungena ehlathini kwathi gqi ixhegwazana elidala, elimdaka futhi elibi. Layibulisa laze layibuza ukuba kutheni isiya kwihlathi eloyikekayo.

Inkwenkwe yaye yothuswa kukubona umntu othetha nayo. Yalixelela ixhegwazana ukuba yayingayi ndawo. Kuba kwakungekho mntu uyithandayo.

5

Ixhegwazana layibuza inkwenkwana ukuba lingayinceda na. Yaze inkwenkwe yavuma, "Ewe."

Ixhegwazana lathi, ukuba inkwenkwe ifuna uncedo, kuza kufuneka ilikhothe ebusweni ukuze libe lihle.

6

Inkwenkwana kwakungekho nto ingenye eyayinokuyenza ngaphandle kokukhotha ixhegwazana ukuze ifumane uncedo.

Yaqala yalikhotha iintongo emehlweni, umfinya empumlweni kunye nemikhala emlonyeni. Yalikhotha de laba lihle ixhegwazana.

7

Labulela ixhegwazana laze lathi kwinkwenkwana, "Uyabona ke, hamba ungene phakathi kweli hlathi. Uza kubona izinto ezininzi ezintle kodwa ndicela ungathathi nenye kuzo.

Ndicela undiphathele ingcambu oza kuyifumana khona kuphela."

8

Yabaleka inkwenkwana ingxamele ukubona zonke izinto ezisehlathini. Phambi kokuba ingene phakathi ehlathini, ixhegwazana lakhwaza, "Yhe nkwenkwendini! Yiz'apha!" Yabaleka inkwenkwana yabuyela kwixhegwazana. Ixhegwazana laphinda lathi, "Uza kubona izinto ezininzi ezintle kodwa ndicela ungathathi nenye kuzo. Ndicela undiphathele ingcambu oza kuyifumana khona kuphela." Inkwenkwe yanqwala intloko laze ixhegwazana lamvumela ukuba abuyele ehlathini.

9

Yabaleka inkwenkwe yaze yathi xa iza kungena ehlathini, yeva ilizwi lexhegwazana lisithi, "Yhe nkwenkwendini! Yiz'apha!" Yaqala yabhideka noko inkwenkwana ingazi ukuba ibizelwa ntoni kwakhona lixhegwazana. Yabaleka yabuyela umva ukuya kusabela. Ixhegwazana lathi, "Mntwan'am ingathi awundiva kakuhle. Ndithi uza kubona izinto ezininzi ezintle kodwa ndicela ungathathi nenye kuzo. Ndicela undiphathele ingcambu oza kuyifumana khona kuphela." Yavuma inkwenkwe yaze yabaleka ukuphindela emva.

10

Lambiza kwakhona ixhegwazana lathi, "Yhe mntwan'omntwan'am, andikuthembi, ingathi sokuze uyenze le nto ndikuxelela yona. Yima ndiphinde ndikuxelele. Uza kubona izinto ezininzi ezintle kodwa ndicela ungathathi nenye kuzo. Ndicela undiphathele ingcambu kuphela oza kuyifumana khona." Inkwenkwana yaqalisa ukudineka yinto yokumane ibizwa leli xhegwazana iphinde ixelelwe into enye. Yabaleka kakhulu yaze yangena phakathi ehlathini.

11

Ithe yakungena yabona isitya esigcwele imali, yangena kuso yathatha imali yayingxala ezipokothweni zebhulukhwe yayo.

Yakhawuleza yakhumbula into ebiyixelelwe lixhegwazana yaza yayikhupha ngokukhawuleza imali yayibuyisela esityeni sayo.

12

Yaqhubeka yahamba yaze yabona iimpahla ezintle ezintsha. Yakhulula iimpahla zayo ezindala yanxiba ezintsha.

Kwangoko kwathi qatha into ebiyixelelwe lixhegwazana yaze yazikhulula iimpahla ngokukhawuleza, yanxiba ezayo ezindala.

13

Yaphinda yalaqaza yaze yabona ingcambu ebuniswe kukutshisa kwelanga. Yazibuza ukuba ingaba ixhegwazana bekutheni ze lithi mayithathe into enje, iza kuyenza ntoni ingcambu ebunileyo?

Kufutshane nengcambu kwakukho isitya esasinokutya okunuka kamnandi. Inkwenkwe yayisele ilambile ngoku. Ayizange ikwazi ukuzibamba, yathatha ukutya yakutya.

14

Yawakhumbula amazwi exhegwazana emva kokuba igqibile ukutya.

Yakhumbula amazwi athi, "Uza kubona izinto ezininzi, uze angathathi nto ngaphandle kwengcambu." Yalaqalaqaza ikhangela ingcambu, kodwa ayizange iyibone.

15

Yaphindela emva iziva iphoxekile.

Yayibuyela kwixhegwazana iza kulixelela ngento eyenzekileyo, kodwa ixhegwazana lalinyamalele.

16
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
Inkwenkwana eyayingathandwa mntu
Author - Phumy Zikode
Translation - Xolisa Guzula
Illustration - Wiehan de Jager
Language - isiXhosa
Level - Longer paragraphs