Bathinjiwe!
Richard Khadambi
Abraham Muzee

Mna nomhlobo wam uKiki siyakuthanda ukudlala sikhangela iindawo ezintsha, kwaye siyazi kakuhle ingingqi yethu.

Endleleni ebuya esikolweni sincokole ngeendawo ezintsha esinokuzikhangela ngolo suku.

1

Sagqiba kwelokuba sicande ithafa elikhulu kufutshane nomgaqo kaloliwe, nangona utata kaKiki wasilumkisa ukuba singahambi apho.

Emva kwethutyana, saqaphela indoda ende enxibe idyasi ende emnyama ithe chu emva kwethu.

2

Sacotha ukuze sijonge le ndoda. Ulusu lwayo lwalugcwele amaqhakuva.

Imilebe yakhe yayibhityile, iveze loo mazinyo wakhe amdaka. Wayenenxeba elinzulu linqumleze ubuso. Le ndoda yayisilandela!

3

Sema sajongana nalendoda singayaziyo. Amazinyo wam ayeqhaqhazela luloyiko ndicinga ukuba iyaweva. Ndayijonga ntsho ndiqwalasela intsobi yayo kunye neempahla zayo.

Yayingayithandi le ndlela ndiyiqwalasele ngayo. Yakhwaza yathi, "Kwedini undijonga ntoni?"

4

Ngaloo mzuzu sajika sabaleka.

Ndandingenamendu ngokwaneleyo. Yandibamba ngesixhanti yanditsala ngengalo enye. Yayindiqinise ndacinga ukuba iimbambo zam zizakophuka.

Umhlobo wam uKiki waqhwesha.

5

Le ndoda inde yandiphakamisa okwephepha elishwabeneyo. Yandijula ngemva kwiveni eyayimiswe kwelo thafa. Emva koko yakhwela ngaphambili kwiveni leyo.

Enye indoda eyayingaphakathi kule veni yandigquma amehlo yandibophelela izandla emqolo. UMqhubi wayitsala ngesantya esiphezulu okweso senqwelo yezigulane.

6

Le ndoda ingemva kunye nam yandibeka ilaphu elimanzi ebusweni. Lalinuka into enevumba ngathi yilekese eyandenza ndozela.

Ndafunyanwa bubuthongo. Ndothuka sele ndihleli kwigumbi elimnyama elineentambo zezigcawu neempuku. Amehlo wam ayesele engagqunywanga.

7

Kwavuleka umnyango weli gumbi limnyama usenza ingxolo.

Kwangena indoda ephethe isitya. Kwakuyilaa ndoda yayindibophelela izandla. "Naku ukutya kwakho. Kungcono utye kuba uzakuthabatha uhambo olude," yashwantshwatha yatsho le ndoda.

Yayisika intambo ebophelele izandla zam ngemela ebukhali eyayiyikhupha esinqeni.

8

Ndathi ndakuva igama elithi 'uhambo' ndaqonda ukuba manditye ukwenzela ndibe namandla okuzihlangula.

Njengoko ndisitya, le ndoda yayihleli phantsi itshaya. Umsi wawugcwalise lonke elo gumbi. Kwathi phambi kokuba ndigqibe ukutya kwankqonkqozwa emnyango.

9

Kwangena amanye amadoda amabini erhuqa inkwenkwana. YayinguKiki! Kwathi kanti bambambile naye.

Savaleleka sobabini kwelo gumbi limnyama.

10

Ndayiqonda into yokuba le ndoda inde imbi yinkokheli yeli qela. Yayinika imiyalelo kula madoda mabini. Kodwa le ndoda yayindiphathele ukutya yayikhangeleka ingakuthandi oko babekwenza.

Emva kwethutyana sabeva bexambulisana ngaphandle kweli gumbi. Inkokheli yayikhwaza isithi, "Andikhathali nokuba uyalwazi usapho lwakhe. Awunakubuya ngamva ngoku."

11

Le ngxabano yasenza siqonde ukuba omnye wabo uyasazi. Ndandizibuza ukuba ingaba ngubani na. Wathi uKiki, "Kufuneka sifumane indlela yokuqhwesha. Abazali bethu abanayo imali yentlawulo."

Ndamkhulula umhlobo wam kwaye ithamsanqa lalingakwicala lethu. La madoda aqhubeka exambulisana ade alwa. Saluvala ngononophelo ucango, salutshixa. Sakhangela indlela yokuqhwesha.

12

Sabona ukukhanya phakathi kwimisantsa ephakathi kweenkuni ezazibethelelwe eludongeni. Satsala ukhuni zade zakhululeka izikhonkwane ekwakubethelelwe ngazo.

Satsala olunye ukhuni, nolunye, kwaya kusanda ukukhanya. Kwakukho ifestile eyaphukileyo ngentla kwezo nkuni!

13

Senza isigqibo ngokukhawuleza. UKiki wayenamendu kunam kwaye enomzinjana omncinane. Kwakuzakubaleka yena ayokufuna uncedo.

Ndamncedisa ukuba enyuke efestileni. Wanyubuluza, waphuma ngayo ifestile. Yayingekho phezulu kakhulu ukusuka emhlabeni.

Ndamva esithi gxada emhlabeni ngeenyawo zakhe wabe sele ephefumlela phezulu. Wemka.

14

Ngelo xesha la madoda ayesele eyivile loo ngxolo sasiyenza. Akhaba ucango. Ambonzeleka angena ngaphakathi aze ema umzuzwana ejonge kule festile.

Abaleka aphumela ngaphandle egilana, engaqinisekanga ukuba abheke kweliphi icala. La madoda ayevutha ngumsindo, ingakumbi le nkokheli imbi. Yandibetha ikhwaza, "Abazali bakho bazakuyihlawulela le nto!"

15

La madoda aphinda azibethelela ezi zikhuni evala le festile aze anditshixela kwelo gumbi. Kodwa babengekavumelani ngento amabayenze. Ndandibeva bexambulisana kwakhona.

Le ndoda yayitshaya kakhulu yayifuna ukundikhulula ndihambe. Umqhubi wayenexhala lokuba umhlobo wam uzakufumana indlela eya ekhaya abuye sele ehamba namapolisa. Le nkokheli imbi yayifuna imali yentlawulo.

16

Kwaba ngathi kudala phambi kokuba ndive kunkqonkqozwa ngaphandle kule festile.

Kwavakala ilizwi lomntu omdala lisithi, "Ungoyiki. Amapolisa akhona. Lala phantsi emhlabeni, gquma intloko yakho, uze ungashukumi."

17

Andiqinisekanga ukuba kwenzeka ntoni emva koko. Kwenzeka yonke into!

La madoda aqutyulwa kukungena kwamapolisa kwelo gumbi ayehleli kulo. Kwabakho ingxolo enkulu kukhwazwa kukho nezithonga zemipu.

18

Ipolisakazi lavula umnyango weli gumbi ndivalelwe kulo. Landiphakamisa landombathisa ngengubo.

Wandixelela wathi, "Umhlobo wakho ubenethamsanqa kakhulu. Ufumene uhola wendlela ekufuphi. Besisenza imijikelo yethu sambona ebaleka engena endleleni.

Emva kokuba sive okwenzekileyo, sabiza amanye amapolisa ukuze asincendise sifundise le migulukudu isifundo!"

19

La madoda mathathu abanjwa, akhonkxwa, ajulwa ngemva kwinqwelo yamapolisa.

Ndakhwela kwesinye isithuthi kunye neli polisakazi. Landisa ekhaya kubazali bam ababexhalabile.

Ukususela loo mini, mna noKiki saba nononophelo xa sihamba sikhangela iindawo ezintsha.

20
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
Bathinjiwe!
Author - Richard Khadambi, Collins Kipkirui
Translation - Kholeka Mabeta
Illustration - Abraham Muzee
Language - isiXhosa
Level - Longer paragraphs