Umoya
Ursula Nafula
Marion Drew

Umoya uyabhudla. Umoya ubhudla ikhaya lethu.

1

Umoya unamandla. Ukrazula ikayiti yam isesandleni sam.

2

Ndileqa ikayiti yam. Umoya undivuthelela kude nekayiti yam.

3

Umoya uba sisitshingitshane. Isitshingitshane siyinyusela phezulu kakhulu ikayiti yam.

4

Isitshingitshane siyandigubungela. Andiboni nto, andikwazi kubamba nto.

5

Ingaba iphi ikayiti yam ngoku? Mhlawumbi ibambeke emthini.

6

Mhlawumbi ikayiti yam isabhabha esibhakabhakeni.

7

Ngelingeni umoya uyaphela. Mna ndisajikeleza.

8

Xa ndiyeka ukujikeleza ndiyabheka-bheka. Ingaba uye phi umoya?

9

Andiyiboni naphi na ikayiti yam. Andisawuva umoya.

10

Mhlawumbi ndizakuyifumana ngomso ikayiti yam. Ngoku kufuneka ndiye ekhaya phambi kokuba umoya ubhudle kwakhona.

11
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
Umoya
Author - Ursula Nafula
Translation - Kholeka Mabeta
Illustration - Marion Drew
Language - isiXhosa
Level - First sentences