UTitshalakazi uNwabisa
Lawrence A. Konjuro
Vusi Malindi

Lo nguTitshalakazi wam. Igama lakhe nguTitshalakazi uNwabisa. Uyandithanda kakhulu.

1

UTitshalakazi uNwabisa usifundisa ialfabhethi kunye noonobumba. Ndiyakwazi ukubiza amagama athi: a, e, i, o, u.

2

UTitshalakazi uNwabisa usifundise le mibala: bomvu, bhlowu, luhlaza, tyheli, nomnyama.

3

Xa kufike ixesha lokulala uyasiculela side silale. Usiculela ingoma yokusilalisa.

4

Le ngoma yokulalisa ihamba ngolu hlobo: Thula bhabha, thula mntwana. Thula bhabha, mus'ukulila. Umama uyeza, uza neelekese.

5

UTitshalakazi uNwabisa wazi amabali amaninzi. Usibalisela ibali elahlukileyo kusuku ngalunye lweveki.

6

NgoMvulo, usibalisela amabali ngamadoda amangalisayo.

7

NgoLwesibini, usibalisela amabali ngamakhosikazi amangalisayo.

8

NgoLwesithathu, usibalisela amabali ngezithuthi.

9

NgoLwesine, usibalisela amabali ngezolimo nemfuyo.

10

NgoLwesihlanu, uTitshalakazi uNwabisa usiyalela ukuba sibalise amabali wethu eklasini.

11

UTitshalakazi wethu ngoyena titshala ubalaseleyo kulo lonke ihlabathi! Xa ndikhulile ndifuna ukuba njengoTitshalakazi uNwabisa.

12
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
UTitshalakazi uNwabisa
Author - Lawrence A. Konjuro
Translation - Kholeka Mabeta
Illustration - Vusi Malindi
Language - isiXhosa
Level - First sentences