Abancedi abakrelekrele bakaMakhulu uMapula
Lerato Tsotetsi
Magriet Brink
UMakhulu Mapula wayejolise amehlo kuloo mfumba yamakhaphetshu eyayingakumnyango wakhe wangaphambili.
-
Wasebenza nzima elondoloza isitiya sakhe. Ngoku yayilixesha lokuba makasithengise isivuno sakhe emarikeni.
-
“Ndiza kufuna uncedo ekuwabaleni nasekuwafumbeni ndawonye la makhaphetshu,” wacinga ngolo hlobo uMakhulu.
1
UJabu, uDineo noDimpho babehamba begqitha kwindlu kaMakhulu ngeli xesha yena wayemi emnyango. Wavuya akubabona.
-
“Yizani nindincede ndifake esi sivuno sam kwezi bhokisi,” wabacela esitsho abo bantwana.
-
Wayebazi uMakhulu ukuba babhadlile kwaye bayakuthanda ukunceda.
2
Abantwana babonisana ngendlela yokuwafumba amakhaphetshu.
-
“La makhaphetshu masiwabaleni size siwabeke ngokwamaqela azizibini,” watsho uDineo.
-
“La makhaphetshu masiwabaleni size siwabeke ngokwamaqela azizine,” watsho uJabu.
-
“La makhaphetshu masiwabaleni size siwabeke ngokwamaqela azizithathu,” watsho uDimpho.
3
Abantwana bagqiba ekubeni ukuwabala la makhaphetshu ngokwamaqela azizine kuyeyona ndlela ikhawulezayo yokuwafumba ezibhokisini.
-
“Kungena amakhaphetshu alishumi elinesibini ebhokisini nganye,” watsho uDineo.
-
“Niqhube kakuhle, kunjalo nikhawulezisile!” watsho uMakhulu encumile. “Ngoku uMnu. Jonas angawathatha awase emarikeni.”
4
“Ikhaphetshu elinye liza kuba yimalini?” wabuza uDineo.
-
“Ndiyanazi niza kukwazi ukuyibala. Ibhokisi enye liyiR60 ixabiso layo,” watsho uMakhulu.
-
“Ukuba ibhokisi ixabisa R60, apho kuyo kukho amakhaphetshu alishumi elinesibini, simele ukwahlula amashumi amathandathu ngeshumi elinesibini,” watsho uDineo.
5
“Ndiyifumene!” utsho uJabu. “Ikhaphetshu elinye lakuba yiR5.”
-
Waphendula uDimpho, “Kunjalo kanye!”
-
Abancedi bakaMakhulu bawafumba onke amakhaphetshu.
-
Wavuya uMnu. Jonas ngoba kwakungasekho msebenzi mninzi wawujongene naye. “Ndiza kuqinisekisa ukuba ayathengiswa onke la makhaphetshu emarikeni,” watsho.
6
Abantwana bahlala phantsi komthi apho esitiyeni baphumla. Bambona uMakhulu efihla into phantsi kwefaskoti yakhe.
-
“Yintoni leyo?” wabuza uDineo.
-
“Yinto yokubulela kuni ngokusebenza nzima. Nangona kunjalo kufuneka nahlulelane ngokulinganayo,” watsho uMakhulu.
7
Abantwana benza ingxolo benemincili. UMakhulu Mapula wabapha imfumba yama-apile anencasa.
-
“Akhangeleka emnandi,” watsho uDineo emunca umlomo wakhe.
-
“Ngawethu onke la ma-apile?” wabuza uDimpho emangalisiwe.
-
“Ewe ngawenu, nikhumbule ukuwaba ngokulinganayo!” watsho uMakhulu.
8
“Masiwabaleni la ma-apile,” watsho uDimpho.
-
Bawabala ngokwamaqela azizibini.
-
“Asibhozo amaqela azizibini zama-apile, likhona elinye elingumnqakathi. Ewonke, ngama-apile alishumi elinesixhenxe,” watsho uDimpho.
-
Lilonke kufuneka sahlulele thina sobathathu la maapile alishumi elinesixhenxe,” watsho uJabu.
9
Emnye kwabo bantwana wazibalela ama-apile amahlanu, mabini awasalayo.
-
Baxakwa ukuba bangawahlula njani ama apile amabini.
-
“La ma-apile mabini, lilinye masilisike libe sisiqingatha,” watsho uDimpho.
-
“La ma-apile mabini, lilinye masilisike libe ziikota,” watsho uJabu.
10
“Sisobathathu asinakuzahlula ngokulinganayo iziqingatha neekota,” wakhalaza uDineo.
-
“La aseleyo masiwanike uMakhulu noMnu. Jonas!” wacebisa ngolo hlobo uDineo.
-
“Ndiyavuma ngoba nguMakhulu olime amakhaphetshu,” watsho uJabu.
-
“Kwaye uMnu. Jonas nguye ose ama-apile emarikeni,” wongeza watsho uDimpho.
11
Wabuya emarikeni uMnu. Jonas emva kokuwathengisa onke amakhaphetshu.
-
Aseleyo uDimpho wawahlulela uMnu. Jonas noMakhulu Mapula.
-
Abo bancedi bakrelekrele baba nebhongo ngeziqu zabo.
-
Basebenzisa ulwazi ababeluzuze esikolweni banceda uMakhulu nasekwabeni ngokulinganayo.
12
Your attribution should include the following:
Title: Abancedi abakrelekrele bakaMakhulu uMapula
Author/s: Lerato Tsotetsi
Translator/s: Angelinah Dazela
Illustrator/s: Magriet Brink
Assurer/s: Bukeka Mahlangabeza
Language: isiXhosa

© Zenex Foundation - Saide 2024

CC BY includes the following elements:
 BY   – Credit must be given to the creator