Please view the book
in landscape mode.
UNaka noNala bathetha ngomoya
Ndivhuho Mutsila
Simon Mokoena
UNaka noNala basendaweni eyomileyo, bahleli phantsi komthi.
-
UNala uva isandi esenziwa ngamagqabi njengoko kubhudla umoya.
1
UNala ubuza esithi, “Mamela Naka. Uyaweva amagqabi?”
-
UNaka uphendula athi, “Ewe, ndiyaweva amagqabi kunjalo ndiyawabona eshukuma.”
2
UNaka uyabuza esithi, “Uyakhumbula ukuba yintoni eyenza amagqabi ashukume?”
-
UNala uphendula athi, “Kuxa umoya ubhudla.”
-
“Ndicinga ukuba ngumoya,” utsho uNaka.
3
UNala uthi, “Umoya ukho kuyo yonke indawo, kodwa asiwuboni.”
-
UNaka uyamphazamisa aze athi, “Kodwa siyawabona ibe siyaweva amagqabi xa eshukuma!”
4
UNala uqhubeka esithi, “Asiwuboni umoya, kodwa siyazibona izinto ezenzekayo xa ukhona. Kuthiwa ngumoya obhudlayo.”
-
UNaka uyabuza esithi, “Umoya obhudlayo uyafana nomoya nje?
5
UNala uyancuma aze athi, “Ewe.”
-
Wongeza athi, “Umoya ubamba namathontsi amancinci amanzi emafini. Xa la mathontsi eqalisa ukusinda, ayawa, kutsho kubekho imvula.”
6
UNala uthi, “Yiba nombono wethu sisenyukela esibhakabhakeni sikhwele ibhaloni enomoya oshushu. Le bhaloni ifana nethontsi lamanzi, umoya uyayibamba ukuze ihlale iphezulu.”
7
UNaka uthi, “Enye into siyawuphefumla umoya.
-
UNala uthi, “Ewe, zonke izilwanyana zidinga umoya ukuze ziphile.”
-
UNaka uyavuma aze athi, “Sonke sidinga umoya ococekileyo.”
8
“Asiwuboni umoya, kodwa wenziwe ngantoni?” uNaka uyabuza.
-
UNala uyaphendula esithi, “Umoya ngumxube weegesi namasuntswana othuli.”
9
UNala uthi, “Umhlaba ujikelezwe ngumoya.”
-
“Umoya usingqonge sonke. Umoya osemhlabeni uqala apha uyokutsho emajukujukwini,” utsho esolula iingalo zakhe.
10
—
—
Imibuzo
Eli bali lithetha ngobani?
Baphi?
Ngubani odinga umoya ukuze aphile?
Wenziwe ngantoni umoya?
Uphi umoya?
Kutheni kubakho imvula nje?
Dwelisa iindlela ezintlanu zokusetyenziswa komoya.
Xoxani ngabo nabaphi oonobangela abahlanu abadala ungcoliseko lomoya.
11
Your attribution should include the following:
Title
: UNaka noNala bathetha ngomoya
Author/s
: Ndivhuho Mutsila
Translator/s
: Sinazo Mgobozi, Bukeka Mahlangabeza
Illustrator/s
: Simon Mokoena
Assurer/s:
Angelinah Dazela
Language:
isiXhosa
© Zenex Foundation - Saide 2025 (Updated Edition)
CC BY
includes the following elements:
BY
– Credit must be given to the creator