

Kudala, kwakukho indoda egama linguGoso. Wayefundisa abantwana ukufunda. Wayengabafundiseli kwindlu yesikolo, kodwa phantsi komthi weselwa. Ngokunye ukuhlwa, xa uGoso wayesahleli phantsi komthi, efunda nzulu ngezifundo zosuku olulandelayo, uPaa, ibhadi, wakhwela phezulu emthini ngokuthe cwaka ukuya kuba iziqhamo. Ngokwenza loo nto, washukumisa, wawisa iselwa elithe ngokuwa labetha utitshala entloko lambulala.
Xa befika abantwana kusasa, bafumana utitshala wabo elele efile. Bazaliswa yintlungu. Ngoko ke, emva kokumnika umngcwabo ohloniphekileyo, bavumelana ukuba bafumane lo ubulele uGoso.
Emva kokuba bethethile ngalo mbandela, bafika kwisiqgibo sokuba umoya wasezantsi ngumoni. Ngoko ke, bawubamba umoya wasezantsi bawubetha. Umoya wasezantsi wakhala, "Kutheni nindibetha nje? Ndenze ntoni?" Baza bathi, "Ibinguwe ogibisele iselwa elibethe utitshala wethu uGoso. Ngowungayenzanga loo nto. "Umoya wasezantsi wathi, "Ukuba bendinamandla, ngendinganqandwa ludonga lodaka?"
Ngoko ke, baya kudonga lodaka balubetha. Udonga lodaka lwalila, "Kutheni nindibetha? Ndenze ntoni?" Baza bathi, "Ibinguwe onqande umoya wasezantsi, lo owise iselwa elibethe utitshala wethu uGoso. Ngowungayenzanga loo nto." Udonga lodaka lwathi, "Ukuba bendinamandla ngendigqojozwe yimpuku?"
Ngoko ke, bahamba baya kubamba impuku bayibetha. Kodwa impuku yalila, "Kutheni nindibetha nje? Ndenze ntoni?" Baza bathi, "Ibinguwe ogqobhoze udonga lodaka, udonga olunqande umoya wasezantsi, lo owise iselwa elibethe utitshala wethu uGoso. Ngowungayenzanga loo nto." Impuku yathi, "Ukuba bendinamandla, ngendityiwe yikati?"
Ngoko ke, bazingela ikati, bayibamba, baza bayibetha. Ikati yalila, "Kutheni nindibetha? Ndenze ntoni?" Baphendula bathi, "Nguwe otye impuku, egqobhoze udonga lodaka; udonga olunqande umoya wasezantsi, lo owise iselwa elibethe utitshala wethu uGoso. Ngowungayenzanga loo nto." Ikati yathi, "Ukuba bendinamandla, bendinokubotshwa ngentambo?"
Bathatha intambo bayibetha. Intambo yalila, "Kutheni nindibetha? Ndenze ntoni?" Baza bathi, "Nguwe obophelele ikati, etye impuku; egqobhoze udonga lodaka, olunqande umoya wasezantsi, lo owise iselwa elibethe utitshala wethu uGoso. Ngowungayenzanga loo nto." Intambo yathi, "Ukuba bendinamandla, bendingasikwa ngemesi?"
Baza bathatha imesi bayibetha. Imesi yalila, "Kutheni nindibetha? Ndenze ntoni?" Baphendula bathi, "Usike intambo, ebophe ikati; etye impuku; egqobhoze udonga lodaka; olunqande umoya wasezantsi, lo owise iselwa elibethe utitshala wethu uGoso. Ngowungayenzanga loo nto." Imesi yathi, "Ukuba bendinamandla, ngenditshiswe ngumlilo?"
Baza bakhangela umlilo. Bawufumana, bawubetha. Umlilo walila, "Kutheni nindibetha? Ndenze ntoni?" Bathi, "Utshise imesi, esike intambo; ebophelele ikati; etye impuku; egqobhoze udonga lodaka; olunqande umoya wasezantsi, lo owise iselwa elibethe utitshala wethu uGoso. Ngowungayenzanga loo nto." Umlilo wathi, "Ukuba bendinamandla, bendiza kucinywa ngamanzi?"
Baza baya emanzini bawabetha. Amanzi alila, "Kutheni nindibetha nje? Ndenze ntoni?" Bathi, "Ucime umlilo, otshise imesi; esike intambo; ebophelele ikati; etye impuku; egqobhoze udonga lodaka; olunqande umoya wasezantsi, lo owise iselwa elibethe utitshala wethu uGoso. Ngowungayenzanga loo nto." Amanzi athi, "Ukuba bendinamandla, bendizakutshoniswa yinkomo?"
Baza baya enkomeni bayibetha. Inkomo yakhala, "Nindibethelani? Ndenze ntoni?" Baza bathi, "Usela amanzi, acime umlilo; otshise imesi; esike intambo; ebophelele ikati; etye impuku; egqobhoze udonga lodaka; olunqande umoya wasezantsi, lo owise iselwa elibethe utitshala wethu uGoso. Ngowungayenzanga loo nto." Inkomo yathi, "Ukuba bendinamandla, ngendithuthunjiswa yimpukane?"
Baza babamba impukane bayibetha. Impukane yalila, "Kutheni nindibetha nje? Ndenze ntoni?" Bathi, "Utshutshisa inkomo, esele amanzi; acime umlilo; otshise imesi; esike intambo; ebophelele ikati; etye impuku; egqobhoze udonga lodaka; olunqande umoya wasezantsi, lo owise iselwa elibethe utitshala wethu uGoso. Ngowungayenzanga loo nto." Kodwa impukane yathi, "Ukuba bendinamandla, ngendityiwe libhadi?"
Baza bafuna uPaa, ibhadi. Bakumfumana, bambetha. Wakhala wathi, "Nindibethela ntoni? Ndenze ntoni?" Bathi, "Utye impukane, etshutshise inkomo; esele amanzi; acime umlilo; otshise imesi; esike intambo, ebophelele ikati; etye impuku; egqobhoze udonga lodaka; olunqande umoya wasezantsi, lo owise iselwa elibethe utitshala wethu uGoso. Ngowungayenzanga loo nto."
UPaa, ngokumangaliseka ekubeni efumanekile, nangokoyika iziphumo zokubulala utitshala ngengozi, wathi cwaka. Baza bathi abantwana, "Yeha! Awu! Akanagama lokuzithethelela. Ngulo mfo ojule iselwa ezantsi elibethe utitshala wethu uGoso. Siza kumohlwaya!"

