

Kudala-dala, izilwanyana zazingenamilenze.
Zonke zazirhubuluza.
Yayingabantu kuphela ababenemilenze, leyo babeyinikwa nguMaguru.
One day, Maguru decided to give legs to every animal. He wanted them to walk.
He told them about it.
Izilwanyana zathi, "Kungamnandi kakhulu ukuba nemilenze." Zacula yaye zaxhentsa.
Izilwanyana zathi kunzima ukurhubuluza.
Zazisiva ubuhlungu.
When the day came, many animals went to Maguru's house.
Giraffes, lions, elephants, rabbits, crocodiles and birds stood in a line.
Isilwanyana ngasinye sanikwa imilenze emine.
Iintaka zanikwa imilenze emibini intaka ngaye.
Zonke izinto zatshintsha emva kokuba zifumene imilenze.
Ezinye zaxhentsa zichulumancile. Ezinye zawa phantsi daxa.
Zahamba zaya kubonisa abantu.
Izilwanyana zathi, "Asingeze siphinde sirhubuluze kwakhona."
Owokugqibela emgceni yayinguSongololo. UMaguru wabuza, "Ukhona omnye emveni kwakho?"
USongololo waphendula, "Hayi, ndingowokugqibela."
UMaguru wacinga, "Ungowokugqibela. Ndizakuyithini le milenze mininzi kangaka?"
UMaguru wanika uSongololo yonke imilenze eshiyekileyo.
USongololo wayonwabe kakhulu. Wathi, "Ndizakuhamba ngokukhawuleza kunabo bonke abanye."
Emva kokuhamba kukaSongololo, uNyoka wafika endlwini kaMaguru. Wathi kuMaguru, "Ndicela undinike imilenze."
UMaguru wathi, "Ndinikise ngayo yonke imilenze. Ubuphi wena?"
UNyoka waphendula, "Ndiselwe."
UMaguru wajonga ukuba akukho milenze ishiyekileyo.
Akazange ayifumane.
UNyoka warhubuluza wagoduka engenamilenze.
Ukususela loo mini, uNyoka akalali kakhulu. Ulinde ukuba ngowokuqala emgceni ukufumana imilenze.

