

UTamara wayeyintwazana eneminyaka emihlanu eyayihlala nosapho lwayo.
Ilali yabo yayikufuphi nehlathi elalinezilwanyana zasendle.
UTamara wayebathobela abazali bakhe.
Wayekhathalela iigusha neebhokhwe.
UTamara wayethanda ukumamela iintaka zicula ngelixa anakekele izilwanyana zakokwabo.
Njengokuba zicula iintaka, wayefaka amagama kwezo zandi.
UTamara wayemncinci kakhulu ukuba angaya esikolweni.
Abazali bakhe bavumela kuphela abantwana babo abadala, uNashipae noTasieku ukuba baye esikolweni.
Isikolo sasikumgama weekhilomitha ezilishumi.
UNashipae noTasieku babesiya nabanye abantwana belali yabo esikolweni ekuseni baze babuye kunye matshona.
Babephatha ukutya ngeekhonteyina ezincinci.
UTamara wabuza umama wakhe, "Ndiza kuya nini mna esikolweni?"
Waphendula umama wakhe wathi, "Uza kuya kwakamsinyane nje sana lwam."
Ngaminazana ithile kwafika imoto eyayikhwele inkosi namanenekazi amabini.
Inkosi yayiqinisekisa ukuba abantwana baya esikolweni kwiminyaka efanelekileyo.
Abantu babekholelwa ukuba ukuba umntwana uyakwazi ukuqabelisa ingalo yakhe phezu kwentloko yakhe ize iyekufika kwenye indlebe ukulungele ukuya esikolweni.
Inkosi yabuza, "Mingaphi iminyaka yakho?"
UTamara waphendula wathi, "Ndineminyaka emihlanu."
"Masibone ke ukuba ukulungele na ukuya esikolweni," yatsho inkosi.
Elinye lamanenekazi amabini lathatha ingalo kaTamara yasekunene layiqabelisa ngobunono phezu kwentloko yakhe.
UTamara wayibamba indlebe yakhe yasekunxele.
UTamara wayeza kuya kwisikolo esahlukileyo kweso sikaNashipae noTasieku.
Yayisisikolo esitsha yaye sikufuphi nekhaya.
UTamara wayevuya kakhulu.
Wacinga wathi, "Ndiza kufunda, ndibhale njengoNashipae noTasieku."

