

Kudaladala, uLanga, uNyanga, uMvula noMoya babesilwa.
Ingxaki yayikukuba uLanga wayefuna ukukhanyisa imini yonke.
UNyanga wayefuna ukukhanyisa ukukhanya kwakhe yonke imihla.
UMvula wayefuna ukuna yonke imihla, aze uMoya afune ukuvuthuza yonke imihla.
Babengafuni ukunikana amathuba.
Bagqiba kwelokuba bahlale kunye baxoxe ngalo mba.
ULanga wabuza uNyanga wathi, "Wenza ntoni ukunceda umhlaba?"
Waphendula uNyanga wathi, "Ndiyakhanyisa ebusuku ukuze izilwanyana zikwazi ukuzingela."
UNyanga wabuza uMvula wathi, "Wenza ntoni ukunceda umhlaba?"
UMvula waphendula wathi, "Ndinika umhlaba amanzi ukuze imithi nezityalo zikhule kakuhle. Ndinika izilwanyana amanzi ukuze zisele."
UMvula wabuza uMoya wathi, "Wenza ntoni ukunceda umhlaba?"
Waphendula uMoya wathi, "Ndiyatshayela ukuze umhlaba ucoceke. Ndisasaza imvula kuwo wonke umhlaba.
UMoya wabuza uLanga wathi, "Wenza ntoni ukunceda umhlaba?"
Waphendula uLanga wathi, "Ndinika umhlaba ukukhanya nobushushu ukuze izilwanyana nezityalo ziphile."
ULanga, uNyanga uMvula noMoya bamamelana kakuhle.
Wathi uLanga, "Yinyaniso ukuba elowo apha kuthi unceda umhlaba ngendlela yakhe ekhethekileyo."
"Ewe," watsho uNyanga, "Akukho namnye apha kuthi obhetele kunomnye."
"Singasebenzisana," watsho uMvula.
Wathi uMoya, "Ngoko ke masabelane ngeentsuku." Bavumelana.
Yiyo loo nto uye ngamanye amaxesha ubone inyanga ngelixa ilanga likhanyisile.
Yaye ngamanye amaxesha uve umoya ngelixa kunethayo.
ULanga, uNyanga uMvula noMoya basebenzisana kakuhle. Bayaqondana.
Uthanda ilanga, inyanga, imvula okanye umoya?
Zoba eyona uyithandayo.
Sidinga umhlaba ukuze siphile. Usinika ukutya uze ukhusele kunye nezilwanyana nezityalo.
Zonke ziyasinceda ngendlela yazo.
Nathi ikhona into esinokuyenza ukuze sincede umhlaba wethu.
Ungenza ntoni ukunceda umhlaba?
Yibhale.

