

UKariza wayekuthanda ukubuza imibuzo. Wakuqheliswa oku ngabazali bakhe.
Babesoloko besithi kuye, "Ukuba awubuzi imibuzo xa usemtsha, uya kukhula ube ngumntu omdala ongazi nto!"
Ngenye imini, uKariza wabuza utitshalakazi wakhe wathi, "Kutheni abazali besoloko besixelela ukuba masihlambe izandla phambi kokuba sitye nokuba zibonakala zicocekile?"
Abanye abafundi kwigumbi lakhe lokufunda bawuthanda lo mbuzo. Babengakuthandi ukuxelelwa ukuba mabahlambe izandla!
Waphendula utitshalakazi wathi, "Ngumbuzo omhle lowo! Nokuba izandla zibonakala zicocekile, zisenokuba nazo iintsholongwane."
Wacacisa wathi, "Iintsholongwane zibangela izigulo. Asiziboni iintsholongwane ngamehlo ethu enyama, sidinga into enamandla ukuze sizibone."
Utitshalakazi wakhupha imakhroskophu ekhabhathini. Wathi, "Imakhroskophu sisixhobo esisisebenzisayo ukuze sibone izinto ezincinci kakhulu esingenako ukuzibona ngeliso lenyama."
Utitshalakazi wakhuhla izandla zikaKariza ngobunono ngokhuni, walosulela kwiglasi ebekwa phantsi kwemakhroskophu.
Utitshalakazi wayifaka le glasi phantsi kwemakhroskophu baza babona oku kwisibonisi.
Nangona izandla zikaKariza zazingabonakali zimdaka, zazikhona iintsholongwane kuzo.
"Kukho iintsholongwane kuko konke okusingqongileyo, kwizinto esizibambayo kwigumbi lokufundela, kwiindawo zokudlala nasemakhaya."
"Ezi ntsholongwane zingenza ukuba sigule kakhulu," walumkisa watsho utitshalakazi.
Waqhubeka wathi, "Ukuze sikwazi ukubulala ezi ntsholongwane, kufuneka sihlambe izandla ngamanzi nesepha, ingakumbi phambi kokuba sitye.
Kananjalo, xa sigula kufuneka sihlambe izandla khon' ukuze singasasazi iintsholongwane."
Xa efika ekhayeni lakhe uKariza, wafika utata wakhe esenza isixhobo esinika umdla. "Ingaba yintoni le uyenzayo?" wabuza uKariza.
Le ibizwa ngokuba yi 'kandagirukarabe' (nyathela uze uhlambe)," watsho utata wakhe. "Uyisebenzisa ukuhlamba izandla zakho."
UKariza wamangaliseka waza wathi, "Ewe! Utitshalakazi wethu usixelele ngesi sixhobo. Kodwa uninzi lwethu besingasazi. Sisebenza njani?"
Wahleka utata wakhe wathi, "Sondela ndiza kukubonisa ntombi yam."
"Okokuqala, nyathela kweli planga lilapha phantsi," watsho utata wakhe.
"Emva koko, esi sikhongozeli siza kuqethuka size sigalele amanzi ezandleni zakho.
Khumbula ukuhlamba ngesepha," watsho kuKariza.
UKariza wayonwabile waza wathi, "Bendakwazi njani ngaphandle kokubuza?
Liyinene elithi ukubuza kukhokelela kulwazi."

