UKati noNja bayazoba baze bafake umbala
Elke and René Leisink
Elke and René Leisink

Lo nguKati.

Lo nguNja.

1

UKati noNja bafuna ukuzoba.

UKati noNja bafuna ukufaka umbala.

UKati noNja bafuna ukwenza ezobugcisa.

UNja uyaqalisa.

Uthatha ipensile kunye nephepha.
Iphepha sisikwere.

2

Kuqala uNja uzoba umbhoxo.

Lo mbhoxo ngumzimba kaKati.

Halala, kwaza kwalula!

3

Waza wazoba oonxantathu ababini phezu kombhoxo.

Oonxantathu ababini bamele iindlebe zikaKati. Emva koko wazoba unxantathu omnyama phakathi kombhoxo.

Unxantathu omnyama umele impumlo kaKati. Waza emva koko wazoba umgca entla kwempumlo.

4

Ngoku uzoba amehlo kwakunye namashiya kaKati.

Amehlo ngamachaphaza amabini.

Amashiya yimigca emibini.

Halala, kwaza kwalula!

5

Waza wazoba umlomo kaKati.

Umlomo ngumgca.

Ukhangeleka ngathi ngunobumba 'w.' Waza wazoba iinwele zikaKati.

Iinwele ezintathu ngasekunxele kwakunye nezinye ezintathu ngasekunene.

6

Umzobo sele uza kugqitywa.

Uzoba iingalo nemilenze zikaKati.

Iingalo nemilenze yimigca, aze azobe iinzwane zikaKati.

Iinzwane zizangqa. Waza wazoba umsila kaKati.

Umsila ngumgca omde.

7

Ekugqibeleni uzoba imigca emzimbeni kakati aze awufake umbala o-orenji.

Waza wagqibeka umzobo.

Halala, kwaza kwakuhle!

8

Ngoku lithuba likaKati.

Uthatha ipensile kunye nephepha.

Iphepha luxande.

9

Kuqala uKati uzoba umbhoxo.

Umbhoxo ngumzimba kaNja.

Halala, kwaza kwakuhle!

10

Waza wazoba izinto ezimbini ezimnyama phezu kombhoxo.

Ezi zinto zimnyama zimbini ziindlebe zikaNja. Waza wazoba isangqa esimnyama phakathi kombhoxo.

Esi sangqa simnyama yimpumlo kaNja. Waza wazoba umgca phezu kwempumlo.

11

Ngoku uzoba amehlo kwakunye namashiya kanja.

Amehlo ngamachapahza amabini.

Amashiya yimigca emibini.

Halala! Kwaza kwagqibelela!

12

Waza wazoba umlomo kaNja.

Umlomo ngumgca.

Kwakhona umlomo umile oku kukanobumba 'w.' Waza wazoba amachaphaza ajikeleze umlomo kaNja.

Amachaphaza amathathu ngasekunxele kwakunye namanye amathathu ngasekunene.

13

Umzobo sele uza kugqitywa.

Uzoba iingalo nemilenze kaNja.

Iingalo nemilenze yimigca, aze azobe iinzwane zikaNja.

Iinzwane zizangqa. Waza wazoba umsila kaNja.

Umsila ukhangeleka ngokungathi yintyatyambo.

14

Ekugqibeleni uzoba izangqa ezimnyama emzimbeni kaNja aze afake umzimba umbala omthubi.

Umzobo ugqityiwe.

Halala, kwaza kwamangalisa!

15

Sala kakuhle Kati.

Sala kakuhle mzobo kaKati.

Sala kakuhle Nja.

Sala kakuhle mzobo kaNja.

16

17
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
UKati noNja bayazoba baze bafake umbala
Author - Elke and René Leisink
Translation - Bukeka Mahlangabeza, Neliswa Pretty Magangxa
Illustration - Elke and René Leisink
Language - isiXhosa
Level - Longer paragraphs