U-Abheli nonodoli kadade wabo
Eyobi Kitaw
Jesse Breytenbach

Kwakukho inkwenkwe eyayibizwa ngokuba ngu-Abheli. Wazenzela inqwelwana.

U-Abheli wayengenaye umqhubi wale nqwelwana yakhe.

Wathi kudadewabo uMeri, "Ndifuna umqhubi wenqwelwana yam. Ndicela undinike lo nodoli wakho. Anganako ukuhlala kule nqwelwana yam."

1

Kodwa uMeri wathi, "Andifuni, ndifuna unodoli wam."

Wabanomsindo u-Abheli xa engamfumaniyo unodoli. Wamxutha emtsalela kuye.

UMeri watsala unodoli wakhe ngengalo wabe no-Abheli etsala kwelinye icala. Yaphuma ingalo kanodoli!

2

UMeri wakhala waza wabalekela kumama wakhe.

Wathi, "Jonga mama, u-Abheli utsale unodoli wam ngengalo yaza yaphuma. Ebefuna ukuhlalisa unodoli wam kwinqwelwana yakhe entsha kodwa mna bendifuna ukudlala ngaye."

Umama wakhe wathi, "U-Abheli akakhange aziphathe ngendlela efanelekileyo."

3

Umama wakhe wacinga ngendlela angafundisa ngayo unyana wakhe ukuba angaziphathi izinto zokudlala zikadade wabo.

Wafumana icebo.

Waya kumhlobo wakhe owayengugqirha waza wathi, "Ndicela undincede."

Waphendula ugqirha wathi, "Ndingakunceda ngantoni mhlobo wam?"

4

Waphendula umama wathi, "Unyana wam u-Abheli akakwazi kuziphatha kwezi ntsuku. Utsale ingalo kanodoli kadadewabo yaphuma. Akufunekanga enze loo nto.

Ngomso ndiza kumxelela ukuba azise unodoli kuwe ukuze ufake ingalo yakhe kwakhona."

5

"Ndicela uze umxelele uAbheli ukuba kuza kufuneka akubhatale ngomsebenzi lo uza kuwenza. Akanayo imali, ngoko ke uza kumxelela ukuba makahlambe laa moto yakho inkulu indala isoloko inothuli, watsho umama."

Wahleka umhlobo wakhe waza wathi, "Ee-ee! Kungakuhle oko."

6

Umama kaAbheli wabuyela endlini yakhe. Wabuza ku-Abheli, "Xa ugula okanye wenzakele uye uye phi?"

Waphendula u-Abheli wathi, "Xa ndigula okanye ndonzakele ndiya kugqirha."

Wathi umama wakhe, "Wonzakalise unodoli, ngoko ke kufuneka umse kwagqirha."

7

Waza ke u-Abheli wathatha unodoli wamsa kwagqirha.

"Lo nodoli wonzakele kakhulu. Umama uthi mandimzise kuwe. Gqirha, ungakwazi ukumnika ingalo entsha?"

Wavuma ugqirha ukujonga unodoli. Wabanako ukumfakela ingalo entsha.

8

Ugqirha wathi ku-Abheli, "Unodoli unengalo entsha. Kuza kufuneka undibhatale. Unamalini?"

Waphendula wathi u-Abheli, "Ndiyaxolisa gqirha, andinayo imali. Andinako ukukubhatala ngomsebenzi wakho."

9

Wathi ugqirha, "Kulungile ke! Awunayo imali? Imoto yam enkulu imdaka kakhulu. Yicoce. Iza kuba yindlela oza kundibhatala ngayo leyo."

U-Abheli wafumana ibhakethi lamanzi kwakunye nelaphu elicocekileyo wahlamba imoto.

Kwamthatha ixesha elide kakhulu ukuhlamba loo moto.

10

Waza u-Abheli wathatha unodoli wamsa kuMeri owavuya kakhulu.

Wathi ku-Abheli, "Ungumntakwe olungileyo. Ndiyabulela ngokulungisa unodoli wam."

"Dadewethu, Ndiyaxolisa ngokuba nomsindo ndize ndikukhathaze," watsho u-Abheli.

11

Ukususela ngaloo mini, akazange u-Abheli aphinde athathe izinto zikadadewabo kwakhona. Kananjalo wazama ngako konke anako ukuba angabinamsindo ngakuye.

U-Abheli wahlala ekhumbula ixesha elide alichithileyo ehlamba imoto kagqirha enkulu emdaka.

Wagqiba kwelokuba bekungafanelekanga ukuba abe nomsindo aze ade aphule izinto.

12
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
U-Abheli nonodoli kadade wabo
Author - Eyobi Kitaw
Translation - Bukeka Mahlangabeza, Neliswa Pretty Magangxa
Illustration - Jesse Breytenbach
Language - isiXhosa
Level - Read aloud