Singancedwa ngubani?
Little Zebra Books
Marleen Visser

Ingaba kuzobanjani esikolweni namhlanje?

Andikwazi nokulinda ukubona abahlobo bam!

Sizokwenza njani ngezifundo ezisiphosileyo?

1

Ukuqala kokuvaleleka endlini ndandisoyika.

Umama wayengakwazi nokuya emsebenzini.

Kwakungekho nemali eyoneleyo yokuthenga ukutya.

2

Umama notata babexabana rhoqo!

Kwaye nathi sobabini sasisilwa rhoqo.

3

Umnumzana Khumalo wayegula kakhulu. Ndandisoyika ukuba utata uza kugula naye.

Sabathandazela, uThixo wabanceda. Waze uThixo wasibonelela ngokutya!

4

Yesu Nkosi,
Nceda usapho lwethu.

Yiba nezihlobo zethu uzincede nazo.

Enkosi ngokusithanda nokuva imithandazo yethu.
Amen.

5

"UThixo ulihlathi, uligwiba kuthi; Ezimbandezelweni ufumaneke eluncedo kunene."

IiNdumiso 46:1

(Bible in isiXhosa 1859/1975 © BSSA 1975)

6
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
Singancedwa ngubani?
Author - Little Zebra Books
Translation - Little Zebra Books
Illustration - Marleen Visser
Language - isiXhosa
Level - First sentences