Ubomi bezihlangu
Nozuko Mkizwana
Nozuko Mkizwana

Kwidolophana ethile kwakukho isityebi sendoda eyayinemali.Abantu bonke kulendawo babenqwenela ukufana nale ndoda.Kwenye yevenkile,kwakuthengiswa izihlangu ezinhle nezazibiza imali eninzi.Mna ke ndazalelwa kule dolophu.

1

Abathengi babengene kule venkile kodwa baphume besonge izandla ngenxa yokuxhuma kwamaxabiso nomgangatho wezihlangu Ngaminazana ithile,Kwangena indoda inyalasa,inyantsula izithanda ifake izandla ezipokothweni

2

Yayiphethe ingxowa enemali ezinkozo nengamaphepha.Ithe isahamba-hamba apha evenkileni,yeza ngakwicala lam. Ndangcangcazela,ndabamba umphefumlo. Ndaphantsa ndafa xa ikhupha isandla sayo indithatha

3

Ngokukhawuleza,yathi vu phantsi yandilinganisa. Inyawo zayo ezinkulu zandicinezela kabuhlungu.Ivumba lezonyawo zayo landifuthanisela ndaxakwa nakuphefumla.Yawuyeka wonke umzimba wayo wathi zinzi phezu kwam. Wandibhatala waza wayibetha yancinci imoto wagoduka nam.

4

Kodwa azange ndibenobumi obumnandi naye.
Wayesonqena kakhulu ukuhlamba.Ndandizilwela ngokumtsweba apha ezinyaweni kodwa unkabi aziqinise ahambe.

5

Kodwa azange ndibenobumi obumnandi naye.
Wayesonqena kakhulu ukuhlamba.Ndandizilwela ngokumtsweba apha ezinyaweni kodwa unkabi aziqinise ahambe.

6

Ndathi ndakuguga,akandikhathalela.
Imvula zazizenzela kum,imimoya namaqhwa iphelela kum.Andisathethi ngelanga lalindinditshisa lonele.
Izinja nekati zazitsiba-tsiba phezu kwam. Amakhwenkwe namantombazana ayendikhaba.

7

Ndandimanxeba -nxeba.
Kungekho namnye umntu ovelena nam.Emva kwentsuku ezithile,kwafika uMchweli.
Wancuma,wandichola,wandisa kwivenkile yakhe apho ndafika ndenziwa ispaji esihle sexabiso.

8
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
Ubomi bezihlangu
Author - Nozuko Mkizwana
Translation - Nozuko Mkizwana, Yolanda Buqwini
Illustration - Nozuko Mkizwana
Language - isiXhosa
Level - First paragraphs