Ilizwe elingenaMaxhego naMaxhegwazana
Cleofas Samo
Laura Liberatore

Kwenye ilali kwenzeka ukuba abantu abatsha balapho abayimigewu bagqibe kwelokuba bawabulale onke amaxhego namaxhegwazana ukwenzela ukuba kuphele ukuthakatha.

1

Kodwa omnye waba bantu batsha, wabaleka notata wakhe waya kumfihla kude esiqithini.

2

Wathi emva kokuba emfihlile utata wakhe, yaqalisa le migewu ukuwabulala amaxhego namaxhegwazana.

3

Kodwa kwathi kusenjalo kwee gqi inyoka kule lali isuka ngasesiqithini yaze yangena esiswini somntwana omncinci.

4

Yayimana ukuthi gqi iveza loo ntloko yayo emlonyeni walo mntwana.

5

Abazali balo mntwana kunye nabanye abantu apha elalini bazama konke abanako bezama ukusombulula le ngxaki kodwa babona ukuba ukuba bayayibulala le nyoka nomntwana naye uza kufa. Baza kuthini bethu!

6

Bonke babezama le baphinde bazame leya, kodwa kungalungi tu. Waze laa mfana wayehambe waya kufihla utata wakhe, waya kuye wafika wamxelela yonke into eyenzekayo.

7

Eli xhego lathi, "Uyabona ke le into yeyona yayikhe yalula kakhulu ukuyisombulula apha emhlabeni. Hamba uye kufuna ixoxo uze ulibophelele kwindawo ekufutshane nenyoka le. Uzawubona! Inyoka iza kuphuma esiswini somntwana iye kubamba ixoxo."

8

Hayi ke lo mfana wahamba wafika wenza njengoko eyalelwe lixhego. Nyhani ke nantso iphuma inyoka esiswini somntwana yaze yaqalisa ukusukela ixoxo. Wabe uyasindiswa ke ekufeni umntwana ngolo hlobo.

9

10
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
Ilizwe elingenaMaxhego naMaxhegwazana
Author - Cleofas Samo, Little Zebra Books
Translation - Little Zebra Books
Illustration - Laura Liberatore
Language - isiXhosa
Level - Longer paragraphs