Izilwanyana zomba iqula
Francisco Escondido
João Carlos Brito

Nganyaka uthile kwabakho imbalela, ayana tu imvula. Imithi yoma yaze yafa.

Yatsha imilambo akwabikho manzi.

Abantu nezilwanyana zaqalisa ukufa ngenxa yokunqaba kokutya namanzi.

1

UNgonyama noNdlovu njengeenkosi zezilwanyana badibana baxoxa ngemeko le. UNgonyama uthe, "Sizakufa lunxano. Masibize intlanganiso yazo zonke izilwanyana sixoxe ngokomba iqula esizakusela kulo."

Uvumile uNdlovu waze wahamba echazela zonke izilwanyana, "UKumkani Ungonyama noNdlovu bayasibiza!"

2

Zonke izilwanyana zadibana phantsi kowona mthi wakhe wamkhulu zize kuxoxa ngale meko.

Waqala wathetha uNgonyama, "Bantakwethu! Kulo nyaka, ayivumanga tu ukuna imvula. Siyafa yindlala nonxano. Kufuneka size necebo lokuzenzela iqula ukwenzela ukuba sonke sisele kulo."

3

Zonke ke izilwanyana zavumelana zaze kwangoko zaqubula amagaba, imihlakulo neepeki zaqalisa ukomba.

4

Kodwa uMvundla akazange eze. Zaqalisa ke izilwanyana ukomba. Zomba, zomba, zomba, zomba kwade ekugqibeleni zafika emanzini.

Athi akumpompoza amanzi, uNgonyama wathi, "Senze njani ukuze sifikelele emanzini ampompozayo? Khona, kutheni uMvundla engezanga komba iqula? Akasayi kusela kula manzi!"

5

Ethubeni wafika uMvundla walibona iqula. Wasondela wathi, "Nkqo nkqo nkqo equleni!" Wathi akungeva mpendulo, dyulukudu!

Wangena ngaphakathi wakha amanzi, akugqiba waqubha okwethutyana ewagxobhagxobha.

6

Ngengomso zafika izilwanyana iqula libubutyadidi bomgxobhozo. Amanzi ayeludaka nje. Zazizibuza, "Ngubani kodwa onokwenza into enje?"

Waphendula omnye, "Ndiqinisekile nguMvundla kuba xa besisomba iqula khange abonakale ndawo."

Izilwanyana zagqiba kwelokuba zibeke unogada apho equleni. Zakhetha uMfene ukuba agade.

7

Uthe esagade njalo uMfene, wafika uMvundla ebusuku wathi, "Nkqo-nkqo-nkqo equleni!" Cwaka! Waphinda kwakhona, "Nkqo-nkqo-nkqo equleni!" Waphendula uMfene, "Ndim lo!" Wasondela ke uMvundla wabulisa kuMfene, "Mhlobo wam, ndize kukubona ndikuphathele laa nto yakho uyithandayo!" Waphendula uMfene, "Sondela, siyibone." UMvundla wayephethe ubusi waze wasondela wathi kuMfene, "Ewe, mhlobo wam, khawungcaml' apha!"

Watsho uMvundla emnika ubusi. Waze emva koko wakha amanzi equleni. Uthe kanye xa ahambayo uMvundla, kwafika uNgcuka wabona uMvundla.

8

Ngengomso, wahamba uNgcuka wayakuchazela zonke izilwanyana ukuba UMvundla uwakhile amanzi equleni.

Zakhetha uFudo ukuba agade iqula. Wathi esagadile njalo ke uFudo kwafika uMvundla ebusuku, wathi, "Nkqo-nkqo-nkqo equleni!" Cwaka! Waphinda kwakhona, "Nkqo-nkqo-nkqo equleni!" Akeva kwasandi tuu. Dyulukudu!

Wangena ngaphakathi ezithethela yedwa, "Nazo nje! NdinguMvundla mna! Ndizakuziselela nje kancinci."

9

Ukufika kwakhe equleni uFudo wayezimele phakathi kwamatye.

Wayebonakala ngathi ulelinye lamatye. Uthe akungena uMvundla equleni, wamthi nqaku ngomlenze uFudo.

UMvundla wathi, "Nyhweee, akubambanga mna. Ubambe ukhuni!" Kodwa uFudo akazange aphendule wahlala apho ebambe uMvundla kwade kwasa gede.

10

Zithe zakufika izilwanyana, zabona ukuba uFudo umbambile uMvundla. Zabiza nezinye izilwanyana ukuze zithathe isigqibo ngokuzakwenziwa ngoMvundla.

Zakudibana zonke izilwanyana, uNgonyama wabuza, "Sizakwenza ntoni ngoMvundla?"

UFudo wathi, "Ndifuna ukuba uNdlovu ambambe ngala mboko wakhe ambethekise kula matye." Zavumelana zonke izilwanyana.

11

Waphendula uMvundla, "Aa Kumkani, imivundla ayifi xa ibethekiswe ematyeni. Umvundla ufa kuphela xa uthe walahlelwa ethuthwini."

UNgonyama wachazela uNdlovu ukuba anqakule uMvundla. UNdlovu wabamba uMvundla waze wambethethikisa ethuthwini.

12

Akufana nothuthu, uNdlovu wamphakamisa waze wamjula phantsi.

Wathi akubetheka phantsi yasisisi sothuli. Kwakuluthuli yonke indawo. Zathi zakubona uthuli izilwanyana zahleka kakhulu.

13

Luthe lusakuhla uthuli, izilwanyana zalaqaza. Mvundla wayephi!

Zaqonda ngoko nangoko ukuba uMvundla uziqhathile kwakhona.

14

15
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
Izilwanyana zomba iqula
Author - Francisco Escondido, Little Zebra Books
Translation - Little Zebra Books
Illustration - João Carlos Brito
Language - isiXhosa
Level - Read aloud