Ukhozi nesi Khukhukazi
Benson Mutisya
Mango Tree

Ngeminazana ithile, Ukhozi nesikhukhukazi babengabahlobo abakhulu. Babencedana kumaxesha kaxakeka.

1

Babedlala bobabini. Bedlala nezinye izilwanyane ezifana nofudo.

2

Babenomkhambi wee nkomo, iigusha, iibhokhwe nee nkamela. Babe sidla ndawonye emathafeni bedlala.

3

Ngaminazana ithile isikhukhukazi sayoboleka ireyiza bleyidi kuKhozi khona ukuze sichebe abantwana baso. Ukhozi lwanikeza nge reyiza bleyidi ngaphandle kwamathandabuzo.

4

Isikhukhukazi sacheba abantwana baso ngocoselelo. Kodwa salibala uku gcina ireyiza khuselekileyo.

5

Xa uKhozi lufika luzolanda ireyiza, Isikhukhukazi asayifumana. Sakhangele yonke indawo kodwa sabuya nelize. Ukhozi lwacaphuka laqala ukutya iinkukhu zesikhukhukazi.

6

Isikhukhukazi sabaleka sisindisa ubomi baso sayo hlala nabantu. Ukufihlela namhlanje isikhukhukazi sihlala nabantu lona ukhozi lutya iinkukhu.

7
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
Ukhozi nesi Khukhukazi
Author - Benson Mutisya
Translation - Andiswa Magwentshu
Illustration - Mango Tree, Silva Afonso, Marleen Visser, Melany Pietersen
Language - isiXhosa
Level - First sentences