

Kudala-dala, kwakukho indoda eyayinezinto ezininzi. Yayine fama enkulu etyebileyo, ineenkomo, iigusha neebhokhwe.
Kodwa, njengoko yayikhula isiba ndala, yakhulelwa kukungonwabi, kuba yayinye into eyayingekho. Yaye ingenankosikazi.
Ime phantsi komthi ngenye imini, yaba nengcinga elungileyo.
Ukuba ayide iyifumane inkosikazi, mhlawumbi ingazenzela.
Ngoko ke, yathathisa ukusebenza ibumba umfazi omhle esebeni elomeleleyo lomthi.
Yakugqiba ukuwenza umfanekiso oqingqiweyo, yambamba amehlo aze avuleka. Yavuthela kancinane kuye, waphila.
Ngenene wayengoyena mfazi mhle eyakhe yambona.
Yaguqa phambi kwakhe, yamcela ukuba abe yinkosikazi yakhe.
Yampha ifasikoti enemibala emininzi, iintsimbi neringi yentloko, uphawu lomfazi otshatileyo. Kwaye yamakhela indlu yodaka nengca eyayidla ngokulala emazantsi esiqu somthi ayeqingqwe ngaso.
"Inye kuphela into endiyicela kuwe," yatsho kunkosikazi yayo. "Ungaze uxelele nabani na apho uvela khona."
Kodwa, kungekudala, amadoda amancinane asuka kwilali ekufutshane aqala athethana phakathi kwawo.
"Kwenzeka njani na ukuba indoda endala ngolu hlobo ibe neyona nkosikazi intle?" Ngoko ke bagqiba kwelokuba bayibe ukuze bayithathe bayise kubuhlanti babo.
Indoda endala yayinentliziyo ekhathazekileyo. Yaziva ingenakho ukuphila ngaphandle kwenkosikazi yayo.
Kodwa ke yacinga, "Mhlawumbi ukuba ndinento yakhe, andinakuziva ndilusizi?" Ngoko ke yathumela amahobe ayo ukuba amfumane, amculele azise into yakhe kuye.
Akumfumana amahobe, amculele ngolwimi lweentaka:
Nkosikazi yomthi, nkosikazi yomthi, umhle ngaphezu kwakhe nabani na. Umyeni wakho usithumile ukuba size nefasikoti yakho!
Wawanika ifaskoti yakhe, aze abhabha phezu kwentaba, phezu komlambo, ephindela emva kumyeni wakhe.
Umyeni wakhe wayibamba ifasikoti ebusweni bakhe, wakhe wathuthuzeleka okwethutyana.
Kodwa ukumkhumbula zange kuphele. Waza kwakhona wathumela amahobe akhe ukuba amculele:
Nkosikazi yomthi, nkosikazi yomthi, umhle ngaphezu kwakhe nabani na. Umyeni wakho usithumile ukuba sizise iringi yakho yentloko!
Aza aphinda abhabha neringi yentloko, uphawu lomfazi otshatileyo.
Indoda yayibamba iringi yentloko, yaphefumlela inkosikazi yayo kakhulu, ekude ebuhlanti babanye abantu.
Emva kwethutyana, yabiza amahobe akhe kwakhona ukuba aye kuye acule athi:
Nkosikazi yomthi, nkosikazi yomthi, umhle ngaphezu kwakhe nabani na. Umyeni wakho usithumile ukuba sibuyise ubomi bakho kwakhona!
Ngoko ke, ahamba ithuba lesithathu. Athi ngcu emagxeni akhe, njengoko ecula, intaka nganye yanqola iliso.
Ngokukhawuleza, inkosikazi yajika kwakhona yaba ngumfanekiso oqingqiweyo. Iinyawo zakhe neengalo zawa phaya. Kwalandela intloko yakhe. Yaza yawa emhlabeni.
Umyeni wakhe wasiqengqa ngokucotha isiqu sakhe seplanga ukuya emlanjeni.
Wammisa nengcambu zakhe emanzini. Uthe wakondliwa lilanga nomhlaba, wamila amagqabi kwakhona.
Xa umoya uvuthuza, amagqabi aphefumlela phezulu, njengokuba umfazi esenza xa ekhumbula umyeni wakhe.

