

Rhoqo xa ndigqiba kuhlamba kwibhafu eshushu, shushu. Umzimba wam uphola ube myoli myoli myoli. Ingaba ngubani owenza oko kwenzeke? NguVayu, umoya!
Ubisi kwikomityi yam – luyatshisa, tshisa tshisa. Kodwa msinyane luyaphola ndiluginye. Ingaba ngubani owenza oko kwenzeke? NguVayu, umoya!
Ikhethini iyaphaphatheka efestileni indiphulule izidlele. Ingaba ngubani owenza oko kwenzeke? NguVayu, umoya!
Nako kubaneka, kude phaya. Amafu amnyama ayabaleka ayasondela. Ingaba ngubani owenza oko kwenzeke? NguVayu, umoya!
Imithi iyahexa, amagqabi ayaphaphatheka. Iintyatyambo ziyawa. Ingaba ngubani owenza konke oko? NguVayu, umoya!
Kude nekhaya siyadlala, kodwa, ndiyaliva ivumba leelekese zikamama. Ingaba ngubani owenza oko kwenzeke? NguVayu, umoya!
Nantso iglasi yokusela efestileni. Yawa emhlabeni yaqhekeka. Enkosi bawo, bendingeko apho. Ngubani owenze loo ntlondi? Nakanjani! IbinguVayu, umoya! NguVayu, umoya!
Kukhala umlozi. Uloliwe uyangena. Andimboni, kodwa ndiyakuva ukundila kwakhe. Ingaba ngubani owenza oko kwenzeke? NguVayu, umoya!
Akabonakali. Akavakali. Uwenza wonke umsebenzi. Akaphosi neliswi. Ingaba ngubani? Nakanjani! Ngumoya!


