Umvundla phantsi komthi
Phumy Zikode
Wiehan de Jager

UMvundla wayelele phantsi komthi wama-apile. Wathi esalele njalo kwawa qakatha i-apile phantsi.

1

Weva ngento nelizwi lisithi, "Qakatha! Baleka, Mvundla baleka!" Wavuka ngokukhawuleza wathi ngqe-e-e-e.

2

Wadibana nenkukhu, yona eyathi, "Ubaleka ntoni mvundla?" UMvundla waphendula, "Nam andazi. Ndive ngento isithi, 'Qakatha! Baleka, Mvundla baleka!'"

3

Yabaleka nenkukhu isothuswa yinto etshiwo ngumvundla. Baze bahlangana noNja.

4

UNja wathi, "Nibaleka ntoni?" UNkukhu wathi, "Nam andazi nje. Ndive ngomvundla, esithi naye akayazi. Uve ngento isithi, 'Qakatha! Baleka, Mvundla, baleka!'"

5

Yabaleka nabo inja yakuva esi simanga.

6

Bahlangana noHashe. Wabuza uHashe wathi, "Nibaleka ntoni?" UNja wathi, "Nam andazi. Ndive ngenkukhu isithi nayo ayazi. Ive ngomvundla esithi naye akazi. Uve ngento nje isithi, 'Qakatha! Baleka, Mvundla, baleka!'"

7

Labaleka nalo ihashe. Baze bonke bahlangana nembongolo.

8

Wabuza uMbongolo wathi, "Nibaleka ntoni? UHashe wathi, "Nam andazi. Ndive ngenja isithi nayo ayazi. Ithi ive ngenkukhu isithi nayo ayazi. Yona ive ngomvundla esithi naye akazi. Uve nje ngento isithi, 'Qakatha! Baleka, Mvundla, baleka!'"

9

Wabaleka noMbongolo.

10

Baze bahlangana nenkomo. Wabuza uNkomo wathi, "Nibaleka ntoni?" UMbongolo wathi, "Nami andazi. Ndive ngoHashe esithi naye akazi. Uthi uve ngenja isithi nayo ayazi. Yona ithi ive ngenkukhu isithi nayo ayazi. Yona ive ngomvundla esithi naye akazi. Yena uve nje ngento isithi, 'Qakatha! Baleka, Mvundla, baleka!'"

11

UNkomo naye wabaleka, baze bahlangana noKati. Wabuza wathi, "Nibaleka ntoni Nkomo?"

12

Bonke bathi, "Nathi asazi. Sive ngoMvundla esithi naye akazi. Uve nje ngento isithi, 'Qakatha! Baleka Mvundla, baleka!'"

13

Wabaleka nokati.

14

Bahlangana nenkwenkwe eyayikhwele ibhayisekile. Yabuza yathi, "Nibaleka ntoni?" Bonke bathi, "Nathi asazi. Sive ngomvundla esithi naye akazi nje. Uve ngento isithi 'Qakatha! Baleka Mvundla, baleka!'"

15

Yahleka inkwenkwe yaze yathi, "Ngelixa i-apile belisiwiswa ngumoya emthini, ndim othe, 'Baleka Mvundla, baleka!'"

16
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
Umvundla phantsi komthi
Author - Phumy Zikode
Translation - Xolisa Guzula
Illustration - Wiehan de Jager
Language - isiXhosa
Level - Longer paragraphs