UNdlovu namasele
Mozambican folktale
Amir Bachir António Necas

Kudala-dala, umnumzana uNgonyama wayengukumkani wehlathi.

1

Wathuma izilwanyana zakhe ukuba ziyokuphelisa ingxolo eyayisechibini apha ehlathini. Kodwa zange ziphumelele.

2

Indlovu yazigqatsa ukuyayiphelisa. Indlovu leyo yathunywa ukuba iyokugada.

3

Ezinzulwini zobusuku yaqalisa ingxolo yaze indlovu yaqalisa ukubulala amasele. Yaphinda ngosuku olulandelayo yenza ngokukwanjalo.

4

Emva kweevekana, waba novuyo ukumkani uNgonyama ngoba uNdlovu wayeyiphelisile iingxolo.

5

Kodwa emva kwenyanga, babona izinambuzane ezininzi entsimini yabo.

6

Ukumkani uNgonyama wacela uNdlovu ukuba abize amasele azotya izinambuzane.

7

Waba noloyiko uNdlovu ngoba wayewabulele onke. Wathi, "Uxolo, ndi-ndi-ndi-ndiye, ndawabulala!"

8

Wathi ukumkani uNgonyama, "Ndlovu, ndakucela ukuba uphelise ingxolo, hayi ukuba ubulale amasele."

9

Waze ukumkani waxelela zonke izilwanyana ukuba zisoloko zisenza ngqo into ayithethileyo.

10
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
UNdlovu namasele
Author - Mozambican folktale
Translation - Nokuthula Bernelee Dyonase
Illustration - Amir Bachir António Necas
Language - isiXhosa
Level - First sentences