Kudala-dala, umnumzana uNgonyama wayengukumkani wehlathi.
Wathuma izilwanyana zakhe ukuba ziyokuphelisa ingxolo eyayisechibini apha ehlathini. Kodwa zange ziphumelele.
Indlovu yazigqatsa ukuyayiphelisa. Indlovu leyo yathunywa ukuba iyokugada.
Ezinzulwini zobusuku yaqalisa ingxolo yaze indlovu yaqalisa ukubulala amasele. Yaphinda ngosuku olulandelayo yenza ngokukwanjalo.
Emva kweevekana, waba novuyo ukumkani uNgonyama ngoba uNdlovu wayeyiphelisile iingxolo.
Kodwa emva kwenyanga, babona izinambuzane ezininzi entsimini yabo.
Ukumkani uNgonyama wacela uNdlovu ukuba abize amasele azotya izinambuzane.
Waba noloyiko uNdlovu ngoba wayewabulele onke. Wathi, "Uxolo, ndi-ndi-ndi-ndiye, ndawabulala!"
Wathi ukumkani uNgonyama, "Ndlovu, ndakucela ukuba uphelise ingxolo, hayi ukuba ubulale amasele."
Waze ukumkani waxelela zonke izilwanyana ukuba zisoloko zisenza ngqo into ayithethileyo.