Umvundla uya ethekweni
Mozambican folktale
Hélder de Paz Alexandre

Ngenye imini, izilwanyana zathatha isigqibo sokwenza itheko. Kodwa kwakungangeni zonke izilwanyana. Yayilitheko lezilwanyana ezineempondo zodwa.

1

Umvundla waye wazilungiselela ukuya ethekweni. Kodwa wafumanisa ukuba asilolika wonke-wonke. Yayilele zilwanyana ezineempondo zodwa.

2

Umvundla waya ndaweni ithile wafumana mpondo zithile. Waye wazibeka kuye entloko waze waya ethekweni.

3

Ngexesha esethekweni umvundla waye watya, wasela, wade waxhentsa.

4

Lento yamenza wadinwa waze walala elangeni. Kodwa ngelixesha aleleyo, iimpondo zaye zawa!

5

Ke ngoko, zonke izilwanyana zaye zafumanisa ukuba umvundla lo akasiso esi silwanyana bebecinga ukuba siso. Ke ngoku, zaye zamtsala ngeendlebe zade zanwebeka kakhulu.

6

Waze wabaleka. Yiyo lento imivundla ineendlebe ezinkulu!

7
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
Umvundla uya ethekweni
Author - Mozambican folktale
Translation - Lunathi Ntunzi
Illustration - Hélder de Paz Alexandre
Language - isiXhosa
Level - First sentences