UDuma uthi nxiba imaski!
Nathi Ngubane
Nathi Ngubane

Incwadi yabantwana base Afrika yonke jikelele

1

Kwathi ngenye imini uZintle wafumana icebo elihle.

"Ndizakuthunga iimaski ndenzele abantu abangenazo kubahlali bengingqi!" watsho.

"Ngumbono omhle lowo, masixelele uMama noTata ubuya kwabo emsebenzini," ndatsho.

2

Akufika uMama noTata ekhaya, sabaxelela ngombono kaZintle.

"Ngumbono olungileyo lowo mntwana wam," watsho uTata, noMama wamngqinela.

"Ndizakucela ibandla lecawe yethu lisinike amalaphu okwenza iimaski, kwaye sicele noMakhulu ukuba asincendise ngokuthunga."

3

Ngemini elandelayo, oomama basecaweni bafika ekhaya besiphathele amalaphu amibala bala eqaqambileyo, kunye nemitya.

UZintle uye wayokushiya ingxowa enamalaphu nemitya ngaphandle komnyango kaMakhulu.

Waye washiya kunye nomyalezo obhaliweyo ecela uMakhulu ukuba asincedise.

4

UZintle waqala ukuthunga iimaski, mna noWandile simbukele.

UZintle uyincutshe kwaye wenza iimaski ezininzi.

Mna noWandile sazama ukuzibala iimaski awayezenza, "1, 2, 3, 4, 5, 6...100" kodwa zazinintsi kakhulu ukuba singazibala!

5

UZintle noMakhulu benze iimaski ezanela wonke umhlali kwingingqi yethu!

UMama noTata bazingca ngabo.

6

Ngemini elandelayo, uMama noTata babengazuya emsebenzini. Babehamba bephisa ngeemaski zikaZintle noMakhulu ezazintle kwaye zincomeka.

Ngeloxesha uZintle wayehamba etsitsa izandla zabantu ngesibulali ntsholongwane sikamama.

"Nikhumbule ukuzihlamba iimaski zenu yonke imihla," watsho uMama.

7

Ngoku xa uZintle esiya kukha amanzi, wonke umntu unxibe imaski.

Wonke umntu ubonakala kwaye uziva ekhuselekile ngoku.

8

Ethubeni, uMama wabuza, "Bantwana, senza njani emveni kokubamba izinto ezithile?"

"Sihlamba izandla zethu ngamanzi nesepha!" watsho uWandile. "Okanye sisebenzise isibulali ntsholongwane!" ndongeza.

Wancuma uMama, "Sinxiba ntoni xa siphumayo?" Sakhwaza ngaxeshanye, "Iimaski zethu!"

9

1. Hlamba izandla zakho ngamanzi.
2. Sebenzisa isepha ukuhlamba izandla zakho.
3. Hlamba imizuzwana engamashumi amabini, okanye bala ukususela kwi-1 uyotsho kuma-20 ucothisisa.
4. Pula izandla zakho ngamanzi.
5. Sula izandla zakho ngetawuli ecocekileyo, okanye ngethishu.
6. Izandla zakho zicocekile!

10

11
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
UDuma uthi nxiba imaski!
Author - Nathi Ngubane
Adaptation - African Storybook
Illustration - Nathi Ngubane
Language - isiXhosa
Level - Longer paragraphs