

ULuzisiwe yintombazana ekhulela kwilali yaseTyhume. Uyintombazana ethanda ukuzingela yaye uyazithanda nezinja. Qho ngentseni uyavuka ahambe aye kuzingela ehlathini abuye emva kwemini xa aza kulala.
Kusasa ngomvulo, uyavuka uLuzisiwe uhamba uyakuzingela njengesiqhelo. Uthe xa etyhutyha esandula ukungena ehlathini wabona ityholo elikhanya tyheli.
Ngenxa yokuba ethanda izinto, wasondela etyholweni waya kulityhila. Uthe xa sele elityhilile watyhoboza wangena apha phakathi etyholweni, waya esondela kulento ikhanya tyheli apha phakathi etyholweni.
Wathi xa aqwalaselayo wabona izityhwentywe zeengqekembe zemali ziqokelelene zikhanya tyheli. Wayezifunela imali le ayibonayo phambi kwakhe.
Ngoko ke, watyhuthula ityholo elo walilahlela kude, wathatha izityhwentywe zemali watyhwabaza ukugoduka.
Endleleni egodukayo, udibana nesityhakala setyhagi uLizo. ULizo usisityhakala kuba kaloku kumnyama kuye ebusweni benkawu, akukho nto ayaziyo, kuloko uLuzisiwe uye acele ukuba babelane ngezityhwentywe zemali kodwa uLizo akavuma.
Nanko etyhala isisu esiyakuthenga evenkileni. Watyholwa evekileni kwathiwa ubile, watyhudisa wathenga wagoduka.
Xa efika endlini wakhulula izihlangu kanti zinetyhontyi, wazivasa wazoneka ematyholweni.
Wabhaqwa ngamasela, afika azothula izihlangu zakhe ayakuzithengisa kwilali ekuthiwa kuseMtyholo.
Ngenxa yokudinwa, ufike watyhala ucango waza waziphosa phezu kwebhedi walala yoyi kuba etyhafile.
Amanye amagama aqulethe isandi tyh.
1. ityhefu
2. tyhini
3. tyhafa
4. izityholo
5. isityhilelo
Ngawaphi amanye amagama owacingayo?

