

Unolali: Intombazana encinane eyayihlala nelizwi layo phezulu ezintabeni zase mpuma
Uphelo: Intaka yasendle eluhlaza,eyayikwazi ukuthetha ngezwi elimnandi.
Kwakukho Intombazana igama layo lingu Nolali .uNolali wayehla kwilali ezintle ezilalini ,apho utyani lwaluluhlaza ,namanzi emilambo ebanda kakhulu .uNolali wayethanda ukucula ,Koda wayenentloni zokucula phakathi kwabantu ,wayecula kuphela
Xa eyedwa ehlaziyeka phantsi komthi womgwenya. Ngenye imini ,ebehleli phantsi komthi weva ilizwi elikhwazayo lithetha naye' Molo Nolali !Unelizwi elimnandi kakhulu!',uNolali wothuka ngokokuba ebecinga ukuba uyedwa uyaziculela ,
uNolali wajonga wabona Intaka entle kakhulu inamabalabala amahle nentsiba ezintle,Yayisisikhwenene egama lingu Phelo','ungubani wena '?kubuza uNolali enovalo.'NdinguPhelo'yatsho Intaka itshikitsha amaphiko ayo'.
Ndizoku kukunceda ukhangele ubugorha bakho.ilizwi lakho kufuneka liviwe ngumhlaba wonke .UPhelo wamfundisa uNolali ukuba angabi nalo uvalo .Yonke imini ,babecula kunye naphakathi kwabanye wamana ngokhululeka uNolali.
Ingoma ethi' thula ntliziyo ,yiba namandla' yayi yenye yengoma zikaNolali .Ngenye imini kwakukho umbhiyozo omkhulu kakhulu elalini .Wonke umntu wayelindele ukuba kubekho umntu oculayo,Koda imvumi yesiXeko yayigula.
Bonke embhiyozweni babefuna imvumi ,uNolali wajonga uPhelo wanqwala ngentloko wathi'Cula ,Nolali,shiya uvalo' uNolali weza phambili ,wavula umlomo wakhe ,wacula ingoma emnaandi kakhulu emalunga neentaba nendalo yase Afrika .
Ilizwi lakhe lalinjengobusi .Bonke abantu baselalini baphakama ,baqhwaba izandla ,bavuyiswa yilentombi incinci inesiphiwo esingaka .Ukususela ngalomini,uNolali akazange aphinde azimele .
Wayesazi ukuba nangona emncinci ilizwi lakhe limnandi kakhulu . u'noNolali no Phelo' baqina ubuhlobo ngoba uPhelo umncedile uNolali wakwazi ukuba ligorha .
LIPHELA APHO IBALI LETHU

