Coca Yandisa
Nolubabalo Amanda Nesi
Nolubabalo Amanda Nesi

UYandisa wayengumntwana oneminyaka elithoba othanda kakhulu ukudlala.

Wayedlala ngeemoto zakhe, amabhastile, neencwadi kunye nokuzoba.

1

Iimpahla kunye neencwadi beziphantsi, izinto zokudlala zigcwele ebhedini, kuthe saa igumbi lonke.

2

Ngenye imini uYandisa wayefuna ukufumana ibhastile lakhe ayithandayo... kodwa wayengalifumani.

3

Umama wakhe wathi, "Yandisa, kufuneka ucoce igumbi lakho kuqala."

4

UYandisa wazama ukufihla izinto ngokuzityhala ekhabhathini.

Kodwa xa evula ucango lwekhabhathi, iimpahla neencwadi zawa phantsi.

5

Emva koko waqalisa ukucoca kakuhle.

6

Emva kokucoca, walifumana ibhastile lakhe elinemibala-bala.

Wavuya, waveza elokugqibela izinyo!

7
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
Coca Yandisa
Author - Nolubabalo Amanda Nesi
Illustration - Nolubabalo Amanda Nesi
Language - isiXhosa
Level - First paragraphs