Umhlaba Wamalekese
Luvo Pikoli
Joda Kgosi

Umhlaba Welekese, ngumhlaba okude.

Umde kakhulu kunomhlaba oqhelekileyo.

Yonke into kulomhlaba inencasa,

yenziwe ngeelekese neezimuncumuncu.

Lomhlaba ungumangaliso urholwa ngaMakhosi

amane anamandla, iChocoland, iCandyrock,

iLiquorRine kunye ne JellyBean.

1

Ngenye imini,

ingqunga yabahambi yafumana umngxunya

entabeni owabahambisa ezinzulwini

zalomnxunya wayemde wayobabeka kuMkhosi

waMakhosi, iJellybean.

2

Lomkhosi wayegqungwe ngoonogada

abaphethe izikhala zeembotyi esandleni

bebuza ukuba ngabaphi.

3

Phambi kokuba baphendule

bakhaphelwa kuMkhosi waseJellyBean

beyojongana nekumnkani eyayikhohlakele,

uJellyMean.

4

Kuye kwenzeke into eyothusayo, kunoba abanike isohlwayo njengoba wonke umntu

ebelindele, ikumnkani yababonisa usizi yaze

yanikezela nangembotyi yemilingo.

5

Lembotyi yemilingo yenza yonke ibemnandi, ibentle kwaye ibenemibalabala.

Lembotyi inika amandla okudubula iilekese ezandleni
zakho kwaye ukwazi ujika ubeyilekse.

Iye ikwenze ufane nayiphi na indoda yelekese kuleMikhosi mine.

Umhambi ngamnye watya imbotyi imilingo yaqala.

Amehlo abo aye akhula, iskhumba satshintsa umbala, ogqiba baqala uhleka kakhulu.

6

Bajika ngoku bangamadoda elekese amanyani.

Baya kwindawo ekuxhunywa xhunywa kuyo

kulomhlaba eyayenzwe ngeJelly

bexhuma xhuma iiyure.

7

Bathi xa bexhumela phezulu babambe iintaka

zeswekile, balume amafu ayeyenzwe ngelekese

eyayilafu lafu.

Kwathi nangoku besiva ukuba kuyanetha kunetha iilekese,
bahlala phandle ubusuku bonke.

8

Baqhwesha eJellyBean bangena kumlambo wase

Chocoland owawumnyama bequbha kulomlambo

webisi letshokoleti.

Emveni kwemini emnandi yobayilekese iimbotyi zaye

zaphuma emzimbeni wabo baphinde bangabantu.

9

Bathe ngentsasa besahamba babanjwa ngooNogada

bafakwa etrongweni.

Ukuqwesha kuletrongo bayitya, kwaye basayibalisa

lemini kunanamhlanje, ukuba bajika benziwa

ngeelekese kwaye bangaphinda bayenze lonto.

10
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
Umhlaba Wamalekese
Author - Luvo Pikoli
Illustration - Joda Kgosi
Language - isiXhosa
Level - Read aloud