Umabonakude kaBuhlali
Thandokazi Nomgca

Kwidolophana encinane iThembalethu kufutshane nesithili saseKapa, kwakukho inkwenkwana eneminyaka emine egama linguBuhlali.

Yayihlala nabazali bayo kunye nodade wayo oneminyaka elithoba. UBuhlali wayekuthanda kakhulu ukubukela umabonakude.

1

Ngaminazana ithile, abazali bakhe bahamba naye bekuyothenga umabonakude osebenza nge inthanethi.

Bathi bakufika endlini bawukhanyisa. UBuhlali waye wazifundisa indlela yokusebenzisa nokubukela lo mabonakude wade waqhelana nawo.

2

Ekuhambeni kweentsuku, uBuhlali wayengasafuni tuu nokuyodlala nabanye abantwana, kwaye wayengasafuni nabani na abukele umabonakude.

Wayemonela nkqu udade wabo. Wasuka wabahlekisa abantu bakowabo ngenye imini wathi, "Ngumabonakude wam lo, sanusondela tuu kuwo."

3

Ngokuhamba kwexesha, uBuhlali wasuka wanendlela engaqhelekanga enza ngayo izinto, kuquka ukuthetha isiNgesi asifunde ngokubukela umabonakude.

"Mama, ndingu 'Spider-man' ndiyatsiba," watsho ngenye imini. Wakhuza unina emangalisiwe, "Yhoo!"

4

UBuhlali waqhubekeka nezinto ezingaqhelekanga. Wasuka wazizoba ubuso ngemibala emibini, umbala ozuba nobomvu. Imizobo le yakhe yayijongeka ngathi ziintambo zesigcawu.

Abazali bakhe babeqinisekile ukuba lomzobo uwubone pha kumabonakude.

5

Wayesoloko exhuma, ekhwela ezikhabhathini ze agwencele nasezifestileni. Kukho nezinye izinto azifundayo oku komntu ophila kwilizwe lakhe yedwa.

Wayekhawuleza abuye kwasemdlalweni azokubukela 'umabonakude wakhe'.

6

Ngenye intseni, bavuka umnyango uvulekile. "Tyhini! Nilele ningawuvalanga na umnyango?" wabuza unina.

UBuhlali watsiba wayokujonga ukuba umabonakude wakhe ukhona na. Abazali bakhe beva ngesijwili ekhala. Umabonakude wawungekho!

7

Kwathi kanti kungene amasela ebusuku awuba. Wakhathazeka kakhulu uBuhlali. "Ndizokumbona phi u'Spider-man' wam?" wabuza kumama wakhe.

Waphendula umama ngelithi, "Ndizakulenza icebo mtanam."

8

Ngosuku olulandelayo, wavukela edolophini umamakhe waya kuthenga ibhola ekhatywayo ukuze azokwazi ukuyodlala nabanye abantwana uBuhlali.

Wafika endlini wamnika ibhola ze wamcacisela ukuba umabonakude bazokuphinda bawuthenge mhlazana banemali eyaneleyo.

9

Ngemva kwentsukwana nje ezimbalwa zokufumana ibhola ekhatywayo, wayephuma wayokudlala nabanye abantwana uBuhlali.

Ukudlala naye ekuhlaleni kwasele kuyinto ababengayiqhelanga abahlobo bakhe, kuba basele bedlala naye esikolweni kuphela.

10

Ekuhambeni kwexesha, wabonakala onwabile uBuhlali, sele ebulibala ngomabonakude. Qho emva kwemini wayephuma ayokudlala nabahlobo bakhe.

Babedlala ibhola ekhatywayo, bangxole kubemnandi kube yilonto!

11
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
Umabonakude kaBuhlali
Author - Thandokazi Nomgca
Illustration - , Canva AI
Language - isiXhosa
Level - Longer paragraphs