

Kusuku lokuqala esikolweni, uXola wayephethe intonga ende emnyama, ntoleyo eyenza abanye abafundi basibone singaqhelekanga esi senzo.
Utitshala uFikelephi wachazela abafundi ukuba uXola wazalwa eyimfama, usebenzisa intonga ukukhangela indlela yakhe.
Abafundi baqala baqonda nokuba kutheni uXola enxiba iiglasi zamehlo ezimnyama.
Utitshala uFikelephi waqhubeka wacacisela abafundi ukuba kutheni uXola ephatha intonga kwaye kufuneka bamphathe njengomnye wabo.
UZola weva uLizo namanye amakhwenkwe eceba indlela yokweba intonga kaXola.
La makhwenkwe acinga ukuba kunga kuhle ukudlala ngomntwana omtsha esikolweni.
Akuva eliqhinga, uZola wabaleka wayohlala ngaphambili, ecaleni kukaXola ukuze amkhusele kwaba baxhaphazi.
Wabonisa la makhwenkwe ubungozi bento awayefuna ukuyenza, azisola kakhulu axolisa kuXola.
Aba bahlobo bancokola ngothando lwabo lwebhola ekhatywayo, ukuzoba imizobo nokubukela oopopayi.
Ngale ngxoxo baye baqonda ukuba zininzi izinto ababefana ngazo.
Bancokola nangeendlela abohluke ngazo. UZola wancoma iiglasi zamehlo ezimnyama zomhlobo wakhe.
Obu buhlobo badala ukunxibelelana koontanga ababonakalisa ukuxabisana nokuhloniphana.
Lamonwabisa kakhulu olu suku uXola. Waziva amkelekile kwaye ekhuselekile kwisikolo sakhe esitsha nomhlobo wakhe omtsha onothando, uZola.

