Umhlobo wam osenyongweni oyimfama
Yamkela Maqwara

Kusuku lokuqala esikolweni, uXola wayephethe intonga ende emnyama, ntoleyo eyenza abanye abafundi basibone singaqhelekanga esi senzo.

1

Utitshala uFikelephi wachazela abafundi ukuba uXola wazalwa eyimfama, usebenzisa intonga ukukhangela indlela yakhe.

2

Abafundi baqala baqonda nokuba kutheni uXola enxiba iiglasi zamehlo ezimnyama.

Utitshala uFikelephi waqhubeka wacacisela abafundi ukuba kutheni uXola ephatha intonga kwaye kufuneka bamphathe njengomnye wabo.

3

UZola weva uLizo namanye amakhwenkwe eceba indlela yokweba intonga kaXola.

La makhwenkwe acinga ukuba kunga kuhle ukudlala ngomntwana omtsha esikolweni.

4

Akuva eliqhinga, uZola wabaleka wayohlala ngaphambili, ecaleni kukaXola ukuze amkhusele kwaba baxhaphazi.

Wabonisa la makhwenkwe ubungozi bento awayefuna ukuyenza, azisola kakhulu axolisa kuXola.

5

Aba bahlobo bancokola ngothando lwabo lwebhola ekhatywayo, ukuzoba imizobo nokubukela oopopayi.

Ngale ngxoxo baye baqonda ukuba zininzi izinto ababefana ngazo.

6

Bancokola nangeendlela abohluke ngazo. UZola wancoma iiglasi zamehlo ezimnyama zomhlobo wakhe.

Obu buhlobo badala ukunxibelelana koontanga ababonakalisa ukuxabisana nokuhloniphana.

7

Lamonwabisa kakhulu olu suku uXola. Waziva amkelekile kwaye ekhuselekile kwisikolo sakhe esitsha nomhlobo wakhe omtsha onothando, uZola.

8
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
Umhlobo wam osenyongweni oyimfama
Author - Yamkela Maqwara
Illustration -
Language - isiXhosa
Level - First paragraphs