UNobuhle kunye nebhabhathane lomlingo
Sibongile Dlamini
Canva AI

UNobuhle wayeyintombazana entle eneminyaka elishumi ubudala, eyayihlala kwilali yaseMalangeni.

Xa esiya esikolweni, wayethanda ukuhamba nomnakwabo, uBubele, owayeneminyaka emithandathu ubudala.

1

UBubele wayemthanda udadewabo, esoloko emjonga ebusweni emxelela ukuba uyeyona ntombazana intle kakhulu elalini.

2

Ngenye imini, uNobuhle walibala incwadi yakhe yomsebenzi wesiNgesi ekhaya.

Wathi akungayifumani kwibhegi yakhe yesikolo, waba nexhala.

Amanye amantombazana ahlekisa ngaye kwaye athi mbi.

3

Amvisa ubuhlungu la mazwi walamantombazana.

Ngexesha lekhefu, wahamba yedwa waza wahlala phantsi komthi omkhulu, onomthunzi nowawukwiyadi yesikolo. Walila kabuhlungu.

4

Esalila njalo, wajonga phezulu waza wabona amabhabhathane amaninzi, amahle nanemibalabala ebhabha yaye edanisa ejikeleza umthi.

5

Wathi esothuswe koko akubonayo, ibhabhathane lomlingo lahlala egxalabeni lakhe.

Lamsebezela lisithi, "Molo. Ndiyayazi ulilela ntoni. Amantombazana angabaziyo ubuhle athe umbi. Akuyonyaniso oko. Uyintombazana entle wena."

6

Wathi akuva oko, wosula iinyembezi ngoko nangoko.

Ibhabhathane lomlingo lamjonga ebusweni, lancuma, laza lamxelela ukuba angaze abuthandabuze ubuhle bakhe.

Emva koko, labhabha lamshiya.

7

UNobuhle wajonga ibhabhathane lomlingo ngethuba libhabha lisiya kudibana namanye kumdaniso.

Ubuso bakhe babuzele luncumo oluhle.

8

Kanye ngelo xesha, waphakama waza wabukela amabhabhathane edanisa.

Enemincili, wadanisa kunye nawo.

9

Ukususela ngaloo mini, uNobuhle wabuyelwa kukuzithemba kwaye waqonda ukuba wazalwa emhle.

Akazange aphinde azikhathaze ngento ethethwa okanye ecingwa ngabanye abantu ngaye.

Wayetyelela umthi omkhulu rhoqo ukuze azikhumbuze ngobuhle bakhe.

10
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
UNobuhle kunye nebhabhathane lomlingo
Author - Sibongile Dlamini
Illustration - Canva AI
Language - isiXhosa
Level - Longer paragraphs