Ndinomnqweno omkhulu kakhulu ngobomi bam.
Ingaba ndinqwenela ukuba ngumbhali weencwadi?Hay andiqondi.
Ingaba ndinqwenela ukuba ngu Sosayensi?Hay; andinakulunga mna ukuphatha iikhemikhali.
Ndingalunga ukuba ngumdanisi bethu?Andinakulunga kuba ndinesiqu mna.Andifani naba bantwana.
Hee kee! Ndiyayazi ke ngoku ukuba ndifuna ukuba yintoni. "Ndinqwenela ukuba ngu Mongikazi"Yheee! Ndizakunceda abantu abagulayo.Ndimamele neengxaki zabo.Ndibacebise nangeendlela zokuziphatha ezilungileyo ukuze babesempilweni.
Masizikhethele ikamva eliqaqambileyo sonke bantwana.Sifezekise iminqweno yethu xa sibadala.👌