

UThando yinkwenkwana eseyikhulile noko. Umfo lo usukile egadeni. Uhlala nomama wakhe kunye nomnakwabo. Bahlala kwindlu eyakhiwe ngengca. Babesokola kakhulu, umama wabo wayehamba ecela ukuze batye. Ngalemini wagqiba ekubeni ayokuzingela.
Waluqalisa uhambo lwakhe oluya ehlathini apho kwakuhlala khona iinyamakazi. Wayehamba eziculela, elaqaza ukuze aqaphele kwezo zilwanyana zinobungozi angasiboni sele sikufutshane. Wayeziphathele isikhali sakhe, emana ukukhalisa umlozi.
Wahamba waziva ediniwe, wahlala phantsi waphumla. Uthe esaphumle njalo weva into ephefumla ngamandla emveni kwakhe. Wajika wajonga, Yhooo! Yhooo! watsho ekhala kakhulu ngumothuko.
Kwathi kanti wothuswe yindlulamthi, isilwanyana esinomqala omde. Indlulamthi yothuka sesosikhalo sakhe yabalekela kwelicala linaye, yamgila wawa phantsi. Walahla nesosikhali ebesiphethe. Wayezama ukuphakama kodwa kwakunzima.
Kuthe kanti lendlulamthi ibibotshelelwe kulomthi ebehleli phantsi kwayo, ntonayo nje khange aqaphele. Yayingulombhodamo, wade wakwazi ukuphakama, wayithi nqaku emsileni efuna ingabaleki. Wayesele ezifumanele isidlo sangokuhlwa.
Wajijisana nayo wade wakwazi ukuyibuyisela kwintambo ngokuphinda ayibophelele umlenze lo. Wayefuna nokuyihlaba kodwa engafuni ukuyivisa ubuhlungu, wayenosizi kwaye ezibuza inokuba ibotshelelwe ngubani kulendawo. Wahlala phantsi waphumla.
Wayehleli apho ecinga ukuba uzakuthini. Asihlabe athathe inyama yaso ayokutya nosapho lwakhe? phofu inyama yaso iyatyiwa? Asikhulule kulomgibe sikuwo sihambe? Wayexakene nezongcina.
Ingaba iyatyiwa inyama yesisilwanyana mfundi?

