

USisa yinkwenkwana eneminyaka elithoba. Uhlala kunye nomama wakhe. USisa ukuthanda kakhulu ukutya. Uyakungxamela, xa kuphekwa uyahluleka ulinda de umama wakhe agqibe.
USisa uye ame apha ecaleni komama wakhe ngelixa aphekayo. Umama wakhe uye amkhelele intwana yokutya ukumenza angangxami kakhulu. Uzube enqanda nokuba angatshi ngoba uhlala ejinga apha phezulu kwembiza ephekileyo.
Ngalemini umama wakhe wayepheke umphokoqo. Wayezakuthi wakuvuthwa awupholise ze aphakele unyana wakhe avubise. USisa ongakwazi ukulinda wathi akuba umama wakhe ephumile kwigumbi lokuphekela, wathatha isitya sakhe wazikhelela umphokoqo.
Nanko umama efika unyana wakhe ezikhelele kumphokoqo, uzamile ukumnqanda efuna ukuwupholisa kuqala, kodwa wale kwaphela uSisa, wanyanzela ukuba unina amgalelele ubisi.
Emva kokumcenga umama wakhe uye wavuma, wampha ubisi olo. Wayonwabe kakhulu, engxamele ukude atye, wayesele evuza izinkcwe. Qagela kwenzeka ntoni kuSisa mfundi?
Wakha nje icephe lalinye, watsha wakhala kakhulu. Yhooo! Yhoo! satsho kabuhlungu esosikhalo. Wayezisola ukuba angavumeli umama ampholisele umphokoqo. Wafunda isifundo sokulinda rhoqo ukuze angaphinde atshe.

