Inkwenkwana ethanda ukutya
Aluncedo cornelia Lingani
Abraham Muzee

USisa yinkwenkwana eneminyaka elithoba. Uhlala kunye nomama wakhe. USisa ukuthanda kakhulu ukutya. Uyakungxamela, xa kuphekwa uyahluleka ulinda de umama wakhe agqibe.

1

USisa uye ame apha ecaleni komama wakhe ngelixa aphekayo. Umama wakhe uye amkhelele intwana yokutya ukumenza angangxami kakhulu. Uzube enqanda nokuba angatshi ngoba uhlala ejinga apha phezulu kwembiza ephekileyo.

2

Ngalemini umama wakhe wayepheke umphokoqo. Wayezakuthi wakuvuthwa awupholise ze aphakele unyana wakhe avubise. USisa ongakwazi ukulinda wathi akuba umama wakhe ephumile kwigumbi lokuphekela, wathatha isitya sakhe wazikhelela umphokoqo.

3

Nanko umama efika unyana wakhe ezikhelele kumphokoqo, uzamile ukumnqanda efuna ukuwupholisa kuqala, kodwa wale kwaphela uSisa, wanyanzela ukuba unina amgalelele ubisi.

4

Emva kokumcenga umama wakhe uye wavuma, wampha ubisi olo. Wayonwabe kakhulu, engxamele ukude atye, wayesele evuza izinkcwe. Qagela kwenzeka ntoni kuSisa mfundi?

5

Wakha nje icephe lalinye, watsha wakhala kakhulu. Yhooo! Yhoo! satsho kabuhlungu esosikhalo. Wayezisola ukuba angavumeli umama ampholisele umphokoqo. Wafunda isifundo sokulinda rhoqo ukuze angaphinde atshe.

6
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
Inkwenkwana ethanda ukutya
Author - Aluncedo cornelia Lingani
Illustration - Abraham Muzee
Language - isiXhosa
Level - First paragraphs