UNontsokolo
Veliswa Madolweni
Adonay Gebru

UNontsokolo wakuthanda kakhulu uhamba notatomkhulu wakhe bayokulima emasimini ngedonki. Babesithi xa besiya emasimini, ayitsale ngentambo idonki ze utatomkhulu ahambe ecaleni kwayo ayiqhube.

1

Kudala -dala kwilali yase Phongo kwakukho inkwenkwana egama linguNontsokolo. Le nkwenkwana yayihlala noyise mkhulu.

2

Ngenye imini uNontsokolo waziva ediniwe,elambile engenawo namandla. Wacela utatomkhulu wakhe ukuba amkhwelise edonkini. Wavuma ngaphandle kokuthandabuza utatomkhulu.

3

Kodwa ngaminazana ithile utatomkhulu wagqiba kwelokuba makakhwele noNontsokolo edonkini. UNontsokolo wayonwabe kakhulu kuba wayebona indlela athandwa ngayo ngutatomkhulu wakhe.

4

UNontsokolo noyise-mkhulu babetshintshiselana ukwenza oku. Maxa wambi yayisiba ngutatomkhulu, Maxa wambi ibe nguNontsokolo.

5
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
UNontsokolo
Author - Veliswa Madolweni
Illustration - Adonay Gebru
Language - isiXhosa
Level - First paragraphs