ULimpho wam
Ester Ncita
Ester Ncita

Kudala dala ndisakhula ndandihlala kwisithili saseMpofu kwilali iKolomane.Ndandihlala nabazali bam kunye nomtakwethu uLizo,wayeyithanda kakhulu ibhola ekhatywayo.

1

ULimpho yayingunopopi wam endandimthanda emhle kakhulu, ekwalilo negugu kum. Ndandidlala naye ndithetha naye oku komntu okwaziyo ukuthetha. Ebusuku ndandilala naye kumandlalo wam

2

Umama wandithuma evenkileni. Ndamshiya uLimpho kwindawo ebesidlala kuyo. Kowu! impazamo yam. Xa ndibuya ndafika uLimpho engekho. Ndaya kumama ndayobuza akamazi. Sakhangela, sakhangela. Yhoo nanko ULimpho ehokweni yenja ekrazuke wakrazuka.

3

Ndasothula isikhalo, ndimthatha uLimpho ndizama ukumdibanisa. Ngelishwa ndandingakwaz ukuthunga. Wafika umama wandithuthuzela, wandibeka esifubeni sakhe wathi "thula sana lwam". Wandiculela ingoma ndade ndalala.

4

Ndavuka ndisakhathazekile, ndacela utata ukuba mayigxothwe lanja kodwa akavuma umntakwethu uLizo. Umama wavukela edolophini, wandithengela unopopi uwawumhle kakhulu. Ndavuya kakhulu ndingawuvali umlomo.

5
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
ULimpho wam
Author - Ester Ncita
Illustration - Ester Ncita, Offei Tettey Eugene, Jesse Breytenbach, Brian Wambi
Language - isiXhosa
Level - First paragraphs