

Kudala dala ndisakhula ndandihlala kwisithili saseMpofu kwilali iKolomane.Ndandihlala nabazali bam kunye nomtakwethu uLizo,wayeyithanda kakhulu ibhola ekhatywayo.
ULimpho yayingunopopi wam endandimthanda emhle kakhulu, ekwalilo negugu kum. Ndandidlala naye ndithetha naye oku komntu okwaziyo ukuthetha. Ebusuku ndandilala naye kumandlalo wam
Umama wandithuma evenkileni. Ndamshiya uLimpho kwindawo ebesidlala kuyo. Kowu! impazamo yam. Xa ndibuya ndafika uLimpho engekho. Ndaya kumama ndayobuza akamazi. Sakhangela, sakhangela. Yhoo nanko ULimpho ehokweni yenja ekrazuke wakrazuka.
Ndasothula isikhalo, ndimthatha uLimpho ndizama ukumdibanisa. Ngelishwa ndandingakwaz ukuthunga. Wafika umama wandithuthuzela, wandibeka esifubeni sakhe wathi "thula sana lwam". Wandiculela ingoma ndade ndalala.
Ndavuka ndisakhathazekile, ndacela utata ukuba mayigxothwe lanja kodwa akavuma umntakwethu uLizo. Umama wavukela edolophini, wandithengela unopopi uwawumhle kakhulu. Ndavuya kakhulu ndingawuvali umlomo.

