

Ngenye imini kwakukho amawele angamakhwenkwe uKuluyolo no Azomila. Babehlala notata wabo ezilalini. Babethandana kakhulu besebenzisana kwinto yonke.
Ngenye imini utata wabo wakha iziqhamo emthini owawuneziqhamo ezimnandi. NgeCawe la mawele ayesiya kuthengisa ezi ziqhamo emakethi. Babethanda ukunceda utata wabo ekuthengiseni ezi ziqhamo.
Ngentsasa elandelayo bavuka ekuseni baya emakethi. Babehamba bebaliselana amabali, bencokola beqhulana. Besahamba njalo uAzomila weva ingxolo kwihlathi elalikufuphi nendlela.
Abayibonanga ukuba yintoni eyenza ingxolo, loo nto yabenza boyika kakhulu. Bagqiba ekubeni bahambe ngokukhawuleza. Ngalo lonke elo xesha ingxolo iyavakala nangakumbi. Tsi gxada, inkawu phambi kwabo.
Bazilahla phantsi zonke iziqhamo babuya umva bothukile, besoyika.
Inkawu yaya ngqo kwibhaskithi ukuya kutya zonke iziqhamo. Baqalisa ukulila bexakiwe ukuba baza kumxelela njani utata wabo.
Omabini amawele acela kwabanentsente elila esiya kuxelela utata wabo. Utata wabo waba nomsindo ongumangaliso. Wathi kubo hambani niyo kukha ezinye iziqhamo niye kuthengisa kwakhona.
Wacinga icebo uKuluyolo lokunqanda inkawu ingaphindi itye iziqhamo zabo. Baphatha ibhaskithi eneziqhamo kuye nesipho sokothusa inkawu. Endleleni eya emakethi baphinda badibana nenkawu.
Bathi baza kuyifundisa isifundo ke le nkawu. Yafika inkawu kubo yoxutha ibhasikithi. Ithe isakuyibeka phantsi ilungiselela ukutya iziqhamo, gqi vumbu inja. Inja yayileqa kanobomu inkawu.
Amawele aqhubekeka nokuya kuthengisa. Ngalo mini amawele abiya ezithengise zonke iziqhamo. Kwaluvuyo kutata wabo efumene imali.
Inkawu yona zange iphinde ibonwe kwakhona.

