Ihashe lomdyarho
Bulelwa Makwati
Magriet Brink

Kudala kwakukho ihashe elalibaleka emdyarhweni.Igama lalo yayingu Soze.
Lalimhlophe ngebala.

1

Lalinenkweli egama layo nguZola.Wayeyinkwenkwe emdaka ngombala engenamzimba.

2

Babehlala kwilali yasePeelton.USoze wayesoloko eshiywa emdyarhweni.

3

Lalilolongwa yonke imihla nguZola kulungiselelwa umdyarho.

4

Ngemini yomdyarho kwakusasa wahamba uSoze noZola baya emdyarhweni ePeelton.

5

Kwakugcwele ngababukeli kuzobukelwa uSoze nenkweli yakhe uZola.

6

Wathi ukuba eve ingxolo yabantu nombhexeshi wakhe wabaleka waphuma phambili.

7

Wabuya nodumo ngokuhlwa emdyarhweni kuba ephume phambili.Babenemincili nebhongo ngoSoze.

8
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
Ihashe lomdyarho
Author - Bulelwa Makwati
Illustration - Magriet Brink, Abraham Muzee, Kenneth Boyowa Okitikpi
Language - isiXhosa
Level - First paragraphs