Ikati elahlekileyo
Noluthando Ellen Ntamo
Noluthando Ellen Ntamo

UPoky litshontsho elihle lekati elihlala elalini. Walandela umama wakhe esiya emlanjeni.

1

Wadibana nenja entle wayilandela. Inja yamkonkotha uPoky, Hawu! Hawu!. Intshontsho lekati lakhala Mnyawu! Mnyawu! Laze labaleka lemka.

2

UPoky akazange ayibone indlela egodukayo. Wakhala MNYAWU! MNYAWU!

3

Uthe esahamba wagaxeleka kula nja kwakhona. Nguwe kwakho? Inja yamsizela uPoky yamncedisa ekukhangeleni umama wakhe.

4

Kuqala babona uMvundla babuza ukuba akukhange umbone umama ka Poky? UMvundla waphendula ngelithi "hayi akhange ndimbone".

5

Okwesibini babona intaka babuza khange umbone umama ka Poky. "Ndimbonile, ndilandeleni", yatsho intaka.

6

Emva kwexesha elide malunga nee yure ezimbini bamfumana umama ka Poky emlanjeni efuna ukutya kuka Poky.

7

UPoky wavuya kakhulu ukubona umama wakhe kwakhona. Bangana.

8
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
Ikati elahlekileyo
Author - Noluthando Ellen Ntamo
Illustration - Noluthando Ellen Ntamo
Language - isiXhosa
Level - First paragraphs